Uza kubuyela kweyoMdumba kunyaka ozayo uSajini Andile Matantala (46) ojongene netyala lobuqhetseba kwanobusela.
UMatantala unguSajini nokwicandelo lokubiwa kwemfuyo (Stock Theft Unit) kwisikhululo samapolisa saseDikeni, uvelile ngoLwesine kule veki kwiNkundla kaMantyi eKomani, nalapho aye wakhululwa ngebheyile yeR5000.
Lo Sajini ubanjwe kwangoLwesine njalo umhla we18 kweyoMnga ebanjwa ziiHawks zaseMonti ezijongene nokuphanda amatyala obuqhophololo nezaziwe njengeSCI.
Ukubanjwa kwakhe kuza emva kokuba ngomhla we29 kweyeSilimela ngo2021, indoda ethile yamiswa ngamaPolisa isiza ngaseMonti ilayishe iinkomo ezine (4) kwitreyila yemoto yayo neyamiswa yagqogqwa.
UMatantala nosele engumrhanelwa, wachaza ukuba ezi nkomo bezichazwe njengezibiweyo. Kusenjalo, ixhoba laye laveza iimpepha zobungqina bokuba iinkomo zezakhe kwaye wazithenga kumnikazi wazo ngokweempepha.
Isithethi seeHawks eMpuma Koloni uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi ingxelo iqhuba ithi, nangona umkhalazi waveza ezi mpepha, waye wabanjwa kunjalo zathathwa zavalelwa iinkomo.
Emva koko ityala elo laye lacinywa wayokufuna iinkomo zakhe, nekwaye kwathethwa amabali awohlukeneyo ethenjiswa nangoku ukuba uza kuzifumana kodwa kungenzeki njalo.
UMhlakuvana uthi le nyewe yachazwa kwiiHawks. Kuphando lweeHawks, iinkomo ezi zayokufakwa kwisikiti kuMasipala waseEnoch Mgijima
Ibambela leNtloko yeeHawks ePhondweni, uBrigadier Fernando Luis, uqhwabele izandla iiHawks SCI zaseMonti ngokuqinisekisa ukuba uyabanjwa obandakanyekayo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!