Inkwenkwana eneminyaka emine (4) uNakane Lizane nowagqityelwa ukubonwa edlala nomkhuluwa wakhe ona10 phandle kowabo ebuya esikolweni ngoMay ka2023 akakabonakali nangoku.
AmaPolisa aseGqeberha akhupha isixa semali eyiR50 000 ebongoza kulowo unokuthi ancedisane nawo eze nomkhondo malunga nokunyamalala komntwana.
Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse Van Rensburg, ithi, uNakane wanyamalala ngomhla we11 kaMeyi 2023 edlala nobhuti wakhe phandle njengesiqhelo wabe umama wabo epheka ngaphakathi endlini.
Oku kwenzeka bekwikhaya labo ixesha kuphambi kwentsimbi yesine kwa1807 eNdlovini eWells Estate eGqeberha. Ingxelo ithi bakhwazwa ngunina wabo ekubeni bangende endlini nalapho waye wangena yedwa umkhuluwa (10). Emva koko umntwana waye wayokuchazwa kwisikhululo samaPolisa saseSwartkops njengolahlekileyo.
UVan Rensburg uthi, uphando nogqogqo lwaye lwenziwa kwangoko kunyaka ophelileyo ngamacandelo eendaba awohlukeneyo, iinkampani zokhuseleko zabucala necandelo loncedo olukhawulezileyo kwaSAPS, kodwa ngaphandle koncedo.
Ngosuku awaduka ngalo uNakane wayenxibe iimpahla ezimnyama. Isilamba kwakunye nebhulukhwe emnyama.
AmaPolisa abongoza nabani na onokubanolwazi ancedisane nawo ngokuthi eze ngaphambili nolwazi okanye atsalele uDetective Sergeant Mluleki Mhlangani ku-0798967509, Detective Constable Msuthukazi Nkwenkwezi ku-082 302 5127 okanye uCaptain Michael Shanagan ku-082 779 7292, kungenjalo atsalele ku-08600 10111 engadanga wabiza gama lakhe.
Ungcwatywe ngokukhawuleza ngenxa yokonakala komzimba umfundi ogetyengiweyo!