Kubhubhe abarhanelwa abahlanu (5) kwabanjwa abane (4) kubo kuquka notata osele ekhulile ngethuba longquzulwano obeluphakathi kwabo kwakunye namaPolisa kumzi othile kwilali yaKwaKom eQoboqobo.
Aba barhanelwa ngaba bebeqhushumbise imoto elayisha imali eluhlobo lweSBV ngoMvulo kwindlela uN6 phakathi kweKomani kwakunye neMonti kufutshane neMacleantown.
Olu qhushumbiso lwenzeke ngezithuba zentsimbi yesithandathu (6) ekuseni ngoMvulo kule veki xa iSBV ibivingcelwa ziimoto yabe sele iqhushumbiswa. Oonogada abathathu (3) baye bonzakala.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks eMpuma Koloni, uYolisa Mgolodela ithi, ababanjiweyo yindoda enama58 eminyaka ubudala nongumnikazi womzi ekubhaqwe kuwo abarhanelwa KwaKom. Le ndoda ilindeleke ukuvela kwiNkundla yamaTyala eQonce kungekudala.
UMgolodela uthi abanye abathathu abarhanelwa nabaphakathi kwama44 eminyaka ukuya ku48 babanjiwe bebhaqwa benesikhaxa semali esezibhegini zemali nesingachazwanga, iifowuni, imipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi kwakunye nemoto ebebehamba ngayo eluhlobo lwePorsche enenombolo uGP.
Le moto nekuvakala ukuba ibibiwe ikhangelwa kwasemva eGoli. Aba bathathu babanjwe phakathi koKomani neCradock. Kulindeleke ukuba bavele phambi kweNkundla eCradock ngoLwesine umhla wokuqala kuAgasti.
Intloko yeeHawks eMpuma Koloni uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uqhwabele izandla abeqela leCash-In-Transit (CIT), iiHawks kwakunye neTactical Response Team (TRT) ngokukhawuleza ukubamba abarhanelwa kungakhange kuphele nosuku kwenzeke esi siganeko.
UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni uXolile Nqatha naye uzekemzekweni waqhwabela izandla la maqela ngomsebenzi omhle abawenzileyo ngosuku lwangoMvulo.
UNqatha ukwamelele nabahlali ekubeni babenentsebenziswano namaPolisa kuba ezi zinto zenzeka kumphakathi.
AmaPolisa kolongquzulwana lwenzeke KwaKom agoduke etshaya engenamikrwelo.