Ngentsasa yokuvakala kweendaba zokubhubha kwabantwana (21) kwindawo yolonwabo Enyobeni Tavern eScenery Park eMonti. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
Bazakubuyela ngoLwesihlanu kule veki kwinkundla yamatyala eMonti oosomashishini ababini uSiyakhangela Ndevu kwakunye nonkosikazi wakhe uVuyokazi Ndevu, emveni kokuba bevele enkundleni namhlanje apho bafunyenwe benetyala lokuthengisela abantwana abancinci nabangaphantsi kweshumi elinesibhozo (18) ngokweminyaka utywala, kwindawo yabo eyayishishina ngotywala iEnyobeni eScenery Park eMonti ngoJuni ka2022.
Abantwana abangamashumi amabini ananye (21) babhubha ekuzeni kusa ngomhla we-26 ngoJuni ka2022 berhaxwa yinto engekaziwa nanamhlanje ngethuba bebhiyozela ukugqiba iimviwo zabo zaphakathi enyakeni. Ngethuba beyoba babengaphakathi kule ndawo yolonwabo.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA eMpuma Koloni uLuxolo Tyali, udiza ukuba inkundla ifumanise ukuba esi sibini ngaphandle kwamathandabuzo sinoxanduva lako konke okwenzekayo ebantwaneni.
NgoLwesihlanu umbuso uzakube uxoxa malunga nesigwebo esakuthi sinikwe sona esi sibini. UTyali uthi okulindelwe embusweni kukuba isigwebo ibesisifundo nakwabanye abashishina ngotywala bathi xabenza oku bakwenze ngononophelo nangendlela esemthethweni ukunqanda ukuphindeka kwesi sehlo.
Logama lona ityala lokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye (21) Enyobeni lisaza kuqhuba kwinkundla yengingqi yaseMdantsane.