Incwinwe ngamapolisa aseGcuwa indoda ethi yeyaseMthatha engachazwanga gama ebhaqwe kudederhu lweevenkile edolophini eGcuwa iphethe ibhegi enelungu lobudoda obupheleleyo.
Le ndoda incwinwe kwisikhululo samapolisa ngamapolisa emva kwemini ngempelaveki emva kokuba ibizwe ngabahlali ngenxa yomothuko abawubone kule renki yaseFingoland Mall yendoda ebonwa ihamba ibonisa ngeli lungu.
Kwividiyo eshicilelwe ngamapolisa ethunyelwe kwiphephandaba I'solezwe nebindanda kumakhasi onxibelelwano, apho igosa lincwina le ndoda malunga nale “pasile” ibhaqwe iyiphethe, le ndoda ibinxibe impahla ezimnyama ngasentla ze ezantsi yanxiba ibhulukhwe eluhlaza kwaye imana ukudlala ngezandla nemilenze yayo ngoku iphandwayo.
Igosa libuzile ukuba ubuwathengisa ngamalini lamaphambili, indoda yaphendula isithi ibingawathengisi, yabuzwa xa ebingawathengisi ibiwasa phi, iphendule yathi ibibonisa abantu ingakumbi abo banyangayo. Ikwabuziwe ukuba lo msebenzi ibiwenza nabani kwaye ivelaphi.
Emapoliseni le ndoda idize ukuba ibisuka eMthatha ize ngeteksi izokubonisa ngeli lungu. Ikwadize ukuba ibikade ihlala eAlex eGoli xa ibuzwa ukuba ibisenza le nto kusini na eGoli ithe akunjalo.
Owelungu loomama kaMasihlangabezane uthi eli ibilicebo likaThixo ukuba ivele le ndoda yenze la masikizi.
“Makugadwe abantwana, kucacile ukuba lamba wamalungu usekhona awukapheli! Bangaphi abantu abasikileyo akabonwa?Ezi ibe zinjongo zikaThixo, akakho umntu onokuhamba esithubeni ethengisa into elolu hlobo eziteksini,” litshilo ilungu lilumkisa amanye amanina emva kokuzibonela lo mbono.
Umama obizwa ngoMaDlamini onetafile ethengisa iziqhamo kude kufuphi neFingoland Mall uthi akafunanga ukuyokubona loo masikizi, uvile kukhalwa ingqongiwe, xa evayo ukuba yintoni wajika kuba esithi akafunanga ukubona eli sikizi.
“Umbuzo endinawo nexhala endinalo kukuba umnikazi wala malungu uphi kwaye ukwimeko enjani, kwenzekeni kuye? Ndirhalela ukuba amapolisa akhe ambuze loo mibuzo kuba kucacile yinto ekudala eyenza le kwaye kukudelela abantu baseGcuwa le yokuba asuke eMthatha ezokuthengisa iincanca eGcuwa. Makavalelwe achaze nabanye,” utshilo uMaDlamini.
Ingxelo evakalayo yeyokuba le ndoda isengaphakathi eziseleni eGcuwa nangona umhla wokuvela kwayo enkundleni I’solezwe lingekawazi.
Kukwavakala ukuba ugcuma ziintlungu kwesinye sezibhedlele saseMthatha utata osikwe amaphambili akhe. Esibone kuye ezi nkcukacha akafunanga kuthetha nentatheli yeSolezwe.
Eli lungu lobudoda ebekuboniswa ngalo yile ndoda lizibonele eli phephandaba.
I’solezwe lesiXhosa belingekaphendulwa kwimbalelwano ebeliyenzele uWarrant Officer Majola Nkohli malunga neenkcukacha de labe liyapapasha.