Ngaphezulu kwamashumi amane (40) emipu, iimbumbulu, iimoto zodidi oluphezulu zezinye zezinto ezithinjwe kwizindlu zikasomashishini nosaziwayo uShauwn Mkhize eDurban, eMgungundlovu naseGoli ngethuba kugqogqa iNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) kwiveki ephelileyo.
Ngelixa ulwazi ekwabelwana ngalo luphuma kumthombo emva kogqogqo obelubanjwe ngoLwesibini weveki ephelileyo, isithethi sakwaSARS uSiphithi Sibeko, uthe useza kulufumana uluhlu lwazo zonke izinto ezithathiweyo.
“Sithetha nje sidibanisa uluhlu lwayo yonke into efunyenwe pha,” utshilo uSibeko.
Uthe olu gqogqo luyinxalenye yophando oluqhubekayo lweSARS lokungathobeli kukaMkhize imithetho yerhafu.
“Ukungathotyelwa kwemithetho yerhafu kubandakanya yonke into efana nokutyala iSARS, ukungagcwalisi amaxwebhu erhafu, ukugcwalisa amaxwebhu ngendlela engafanelekanga, kunye nokuxoka ngethuba lokufaka amaxwebhu” utshilo uSibeko.
Umthombo uthi uMkhize uxelele amapolisa awayekhaphe iSARS ukuba ezi zixhobo (imipu) ayizizo ezakhe, koko zezenkampani yokhuseleko eyinkampani yomphathi weeteksi, noneeteksi ezihamba imigama emide kwirenki yaseDurban Station.
“Idilesi yenkampani ebhalisiweyo iseCoastlands, ukanti imipu engama40 ifunyenwe eLa Lucia,” utshilo umthombo.
Uthi ilungu losapho lathathwa laya kuncwinwa emva kokuba lixelele abakwaSARS namapolisa ukuba nguye ojonge indlu, kodwa kamva lakhululwa.
“Imipu eyafunyanwayo yayiquka imipu yohlobo lweerifles, iishotguns, iihandguns kunye neembumbulu ezingama2000. Amapolisa aseDurban North athathe le mipu kuvavanyo lwemipu.
“Kukho unogada omnye obanjwe ngoLwesibini (kwiveki ephelileyo) nemipu emithandathu ebifihlwe phantsi kwamashiti,” utshilo.
Inkampani yokhuseleko kunye nomnini wayo abafumanekanga ukuba bahlomle.
USibeko uthe umthetho olawula iimfihlo phakathi kweSARS kunye nomhlawuli werhafu uyamthintela ekudizeni imali uMkhize ayityalayo, kodwa kuvakala ukuba utyala imali engaphaya kwamashumi amane ezigidi zeerandi (R40 million).
Ngenxa yobumfihlo, uSibeko khange akwazi ukuxela uhlobo lweemoto ezithathiweyo.
Nangona kunjalo, kuye kwaxelwa ukuba phakathi kweemoto ezithinjiweyo ziquka iLamborghini kunye neRolls Royce ephantsi kweShandi Trust kunye neRoyal AM.
Ividiyo yeeloli ezirhuqa iimoto ezimbini ezimnyama kuhola wendlela eGoli isasazeke kumakhasi onxibelelwano.
Ezinye iiloli ezibonakale kwividiyo zithwele iimoto zodidi ezisibhozo kwindawo esedolophini nazo kukholelwa ukuba zezikaMkhize.
“Phakathi kweemoto ezithathiweyo ziquka iMercedes-Benz Maybach, BMW X4 okanye X6, Mercedes Benz-AMG G 63, Toyota Hilux Legend 50 kunye neMercedes-Benz Z-Class.
“Zonke izinto ezithathiweyo zezakhe kuba incwadi egunyazisa ukuthinjwa kwezi zinto ukuze zingathengiswa ithi mazithathwe,” utshilo umthombo.
USibeko uthi amapolisa azokwazi ngcono ngemipu efunyenwe kwizindlu zikaMkhize.
“Ukuba kukho iimbumbulu, amapolisa angaba ngabantu abangcono abanokusabela,” utshilo.
Nangona kunjalo, isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Jay Naicker uthe amapolisa akanalo igunya lokuthetha ngogqogqo ebeluqhutywa ngabakwaSARS.
Isithethi samapolisa KwaZulu-Natal, uColonel Robert Netshiunda, akayiphendulanga imibuzo athunyelelwe yona.
Naye uMkhize akazange ayiphendule imibuzo awayeyithunyelelwe ngoWhatsApp.
UMkhize, oqhawule umtshato nomyeni wakhe uSbu Mpisane nenkqubo ede yaqukunjelwa ngokusesikweni ngoMvulo weveki ephelileyo, ungumnikazi wendlu enemigangatho emininzi eLa Lucia, emantla eDurban.
Ukwanefama ekwilali yaseMaqongqo ngaphandle kwaseMgungundlovu kwaye unenkqubo yakhe kamabonakude.
Omnye umthombo uthi unenye indlu kwenye yeedolophu zaseGoli nayo eye yagqogqwa kunye nezindlu zaKwaZulu-Natal.
Kwingxelo, uSibeko uluchaze olu gqogqo “njengenkqubela phambili ebalulekileyo kwiinzame zokulwa ukungahlawuli irhafu kunye nezenzo zolwaphulomthetho ezijongela phantsi uqoqosho lwelizwe.”
“ICandelo leNgingqi laKwaZulu-Natal leNkundla ePhakamileyo yaseDurban linike isigunyaziso sokugcinwa kweempahla ukuthintela ukuba zingathengiswa kunye nesigunyaziso sokugqogqa nokuthimba izinto kwityala elibandakanya uMkomishinala wakwaSARS ngokuchasene noShauwn Mkhize nabanye.
“Kule minyaka imbalwa idlulileyo, iSARS ibiphanda ngenkuthalo kwaye iqinisekisa ukuba ishishini lokwakha liyayithobela imithetho yerhafu,” itshilo ingxelo.
Phakathi kwamashishini aphantsi kukaMkhize kukho iZikhulise Group, neyenze iibhiliyoni zemali isakha izindlu ezinexabiso eliphantsi kwiindawo ezithile zephondo laKwaZulu-Natal. Ukwasebenza neZikhulise Maintenance and Transport, Zikhulise Auto Recoveries kunye neInyanga Trading.
Eli bali liqale lavela kwiSunday Tribune.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti