Huntshu! Kwingcibi ebibhiyozela iminyaka eliqela ingazange yabhujelwa ngumkhwetha!

Ingcibi uMnonopheli Ngilana wakwaMtebhele eNgqamakhwe ekunye nomninawe wakhe uWele Mtebele ngosuku olukhulu apho ebebhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi elinesine (14) esenza lo msebenzi.

Ingcibi ephume izandla kwisiko lokwalusa amakhwenkwe, neyeyakoMkhulu kuMtebhele eNgqamakhwe, uMnonopheli Ngilana (58), nowaziwa ngelikaNkanyamba igama, uthi unezizathu eziliqela ezimbangela ukuba abenochulumanco novuyo ngokwalomsebenzi awenzayo.

Uqhube wathi oku kubonakalisa ukuba ngumsebenzi awawuphiwa zizihlwele kungoko engazanga waliphazama nakanye kwaye kungoko alihloniphileyo kakhulu eli siko.

UNgilana, ukutsho oku ngethuba ebambe umsitho kwikhaya lakhe kuMtebhele ngempela veki, ebhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi elinesine (14) eqhuba neli siko, kwaye okona kumonwabisa nangakumbi nokumenze de abe ubamba umsitho kukuba akazange abenaye nomnye umkhwethwa ekuthiwa ulele esibhedlele okanye usutywe kukufa.

UNgilana uthi lo msebenzi wokuba yingcibi yamakhwenkwe zange awuncance mntwini okanye afundiswe mntu, wawunikwa zizinyanya kuba wavuka nethongo elimxelela ukuba makaqhube eli siko. Uthi kwakungomhla we27 ngenyanga kaNovemba ngo2010 ngethuba evuka nethongo.

UMnonopheli Ngilana nosele ebala iminyaka eliqela eyingcibi uthi unezizathu eziliqela ezokuba abhiyoze kuba amakhulu ngamakhulu abuya ephilile entabeni. UMFANEKISO WELE MTEBELE

Le ngcibi ithi into engangexesha elide wakhe wamadolwanzima engade aqalise kukungazithembi kuba engazange wabona mntu uyenzayo le nto. Uthi ngenxa yokungahambi kakuhle kwezinto ebomini ephelelwa yimisebenzi, ithongo laphinda lamfikela limkhumbuza. Uthi ukuqala kwakhe ngo2010 zange waphinda wabuyamva de kube namhlanje.

“Ndinolonwabo kakhulu ukuba ndide ndifike kule minyaka kube kukudala ndiwubaleka lo msebenzi. Ngokwenza itheko ibingu enkosi wam kwizihlwele nakuluntu olundingqongileyo, nolundixhasileyo lahamba nam kule ndlela de kube ngoku,” utshilo uNgilana.

Le ngcibi yesizwe samaDeyi ithi uninzi lwabafana abakwiilali zakhe eMtebhele koMkhulu, kuNdela, eMazizini, kuGxothiwe, sele bebangapha kwekhulu abaphuma ezandleni zakhe, kwaye sele ingamadoda azimeleyo amanye wawo.

Iqhube yathi yona imicelimngeni yayikhona xa wayeqala lo msebenzi wakhe, kwaye kwakungelulanga edeleleka kwaye engaqondakali ekuhlaleni kuba engazange wabonwa esenza lo msebenzi, kungekho namntu athathe kuye ekhayeni waziwayo. Kodwa uthi ekuhambeni kwexesha bakhululeka abahlali kwaye bawazisa namakhwenkwe abo bebona ephilelwa ngabakhwetha.

Uqhube nengxelo wathi akasalenzi eNgqamakhwe kuphela eli siko ulenza nakwezinye iidolophu, umzekelo Engcobo, kunjalo nje nakumanye amaPhondo eli loMzantsi Afrika kuba eMpumalanga sele esuka.

Umyalezo oshiywe yile ngcibi kwabo bazenza iingcibi zomgunyathi ezibulala abantwana uthi akukho sidingo sokuba ingcibi yomgunyathi inyinde kuba inyolukile, ngoba imosha eli siko, ikwabulala nabantwana.

“Into anokuyenza lowo unomdla kweli siko kukuba azinikele futhi azisondeze kwiingcaphephe ezilaziyo eli siko.”

Uvale ngelithi ixhala akanalo kwezi ziganeko ziye zivele zokubhubha kwabantwana kuba akanyindi, wawuphiwa ngabalele ukuthula lo msebenzi, ukwathi okunye kukuba uyawulandela nomgaqo owakhutshwa liSebe lezeMpilo wokuba abantwana mabasezwe amanzi xa bewadinga, bangagcinwa iintsuku ezithile, nezinye ke zangaphakathi ebhumeni.

Kulo mnyahadala ubukwelikhaya bekuxhelwe iinkomo ezithanthu ngokokutsho kwale ngcibi.