Ngenxa yobuncinane bebala lezemidlalo iBuffalo City eSothernwood eMonti, uNobhala Jikelele weANC u-Ace Magashule ubongoze abalandeli namalungu alo mbutho azakuzimasa umbhiyozo wekhulu elinesithandathu ngoMgqibelo, ukuba bafike kwangethuba ukuzikhangelela iindawo zokuhlala.
UMagashule ebethetha noonondaba kweli bala ngoLwesihlanu, kusuku phambi kweli theko likaKhongolose.
Uthi iikumkani zeli lizwe ezisixhenxe, kuquka noKumkanikazi Noloyiso Sandile, baqinisekisile ukuba bazakuwuzimasa lo msitho.
UMagashule ukwathe bazenzile izimemo kwizitatanyiswa zehlabathi ekubalwa kuzo, uMongameli waseKenya u-Uhuru Kenyatta, amalungu ePalamente ase-India kwanendimbane yoonozakuzaku abamele amazwe mbombo zone zehlabathi.
UMagashule uyibethelele into yokuba akukho zimoto zizakuvunyelwa kufuphi nebala, watsho esithi iindwendwe zizakuthuthwa ngeemoto ezihlelwe ngulo mbutho. Iimoto zoonondaba, zizakuhlala e-ICC, ukuze nabo bathuthwe ngeemoto ezilungiswe yiANC.
UMagashule uthi le mibhiyozo izakuqala ngentsimbi yeshumi kusasa, ngolonwabo oluphuma kwiimvumi ezifana noZahara, Distruction Boyz noMzwakhe Mbuli. Emva koko kuza kungena imithandazo yeenkolo ezahlukeneyo, kulandele imiyalezo yemibutho kanxantathu weANC.
“UMongameli weANC uCyril Ramaphosa uzakuthetha ngentsimbi yeshumi elinanye. Sifuna ukulibamba ixesha,” utshilo uMagashule.
UMagashule uthi phambi kokuba athethe lo kaRamaphosa, uzakuyobulisa abalandeli kwibala lesibini eBuffalo City Stadium, nelilungiselelwe ukuthabatha abo bazakufika sele kugcwele kwibala lomsitho.
“Le mibhiyozo izakunika ilizwi eliluqilima, nelibophelela umsebenzi wethu wokugaya inkxaso silungiselela unyulo lonyaka ozayo (2019),” kutsho uMagashule.
Ingakho imfazwe yobukhaya eMzantsi Afrika