Lixhewukazi (85) laseNomzamo kuQoqoboqobo elibhaqwe sele libhubhile lisebhedini yalo emzini walo nekubonakala ukuba lidlwenguliwe phambi kokuba libulawe.
AmaPolisa aseMpuma Koloni abongoza intsebenziswano eluntwini malunga nesi sehlo nanjengoko kungekabanjwa mntu.
ULieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi oku kwenzeke ngoLwesihlanu ngorhatya kwiveki ephelileyo ngethuba umntu oncedisa kweli khaya efika kusasa ngoMgqibelo egagene nesi sehlo. Lo sisi uziboneleyo ukhwaze abamelwane azokubona nathe abiza amaPolisa kwangoko abamelwane.
Oku kwenzeke eNomzamo Garage kwiMain Road kuQoboboqobo. Ityala lokubulala, elokudlwengula nelokuqhekeza livuliwe.
Lowo unokubanolwazi ngokubulawa kweli xhewukazi uyabongozwa ukuba atsalele amaPolisa akuQoboqobo ku040 658 0205 okanye kungenjalo atsalele uDetective Captain Xolile Rantyi ku082 565 3334/08600 10111.