UBongiwe Zabeko (45) okhangelwayo nonxibe iimpahla zokuzila ugqityelwe kwiiveki ezidlulileyo esedolophini eMthatha.
Image: SAPS
Sele iyiveke yesibini engade avele uBongiwe Ngowethu Zabeko (45) waseLibode nowagqityelwa ukubonwa ngomhla wesithoba kule nyanga ekumbindi wedolophu eMthatha.
AmaPolisa aseLibode phantsi kwesithili saseOR Tambo abongoza intsebenziswano eluntwini – onokuba nolwazi apho ikhoyo le nkosikazi eze ngaphambili nolo lwazi ukuze kulandelelwe kulo ngokophando.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ithi uZabeko akasafumaneki nasefowunini yakhe ivaliwe.
UZabeko unxibe impahla yokuzila, impahla leyo enxitywa ngabantu ababhinqileyo xa bebhujelwe ngabayeni babo.
UMatyolo uthi kuzanywe kangangoko kusapho nakwizihlobo zakhe kodwa yabalilize.
UZabeko yinzalelwane yaseMatatiele nosele engumhlali eLibode, wayebheke edolophini eMthatha nongazange abuye.
Onolwazi uyabongozwa atsalele uDetective Warrant Officer Mthimba ku0714752181 okanye uCrime Stop ku0860010111.