Iindaba

Bakhumbula uSis Thoz wombhoxo, itshokolethi ne-okapi

Abongile Ginya|Published

USis Thoz Mtya (61) ongasekhoyo ukhunjulwa ngendima ayidlalileyo enkulu kwiBorder Rugby. Apha kuxa esebelani kudlalwa ethengisa iitshokolethi.

Image: FACEBOOK

Obeyintandane kwimidlalo yombhoxo, uThozama Mtya (61), nobesaziwa ngelikaSis Thoz, ushiye owona mzila negalelo elikhulu kwezemidlalo.

UMtya waziwa kakhulu ngefuthe lakhe lokuzibonakalisa kwimidlalo yengingqi yeBorder ethengisa iitshokolethi.

Ebedume kakhulu nangoburharha bokukukhupa iokapi xe eqobisa.

Iindaba zokubhubha kukaSis Thoz zivakale kuMvulo weveki ephelileyo nezithe zothusa kakhulu nanjengoko abaninzi bengekakholelwa ukuba akasekho emhlabeni.

Ngomvulo kwiveki ezayo, iza kube iyinkonzo yakhe yesikhumbuzo eCity Hall kumbindi wedolophu eMonti. Iza kube iqala ngentsimbi yokuqala emva kwemini.

Uninzi kumakhasi onxibelwlano lwabelane ngezinto abamkhumbula ngazo ezihlekisayo lo mama xa esebaleni.

Abanye bathi baza kumkhumbula ngokuthengisa iitshokolethi ebaleni, besithi futhi ke ebeye akuthengisele ngenkani xa ebona ukuba ilanga liyatshona azipheli.

Abanye bathi ebeye ahlale enemela kuye egrogrisa ngayo kuba esithi ebengafuni ukuqhelwa 'ziintwana'.

UXolani Mdodile uthe: "Iokapi netshokolethi (ibingumzila wakhe)."

USiphokazi Mzizi Couches Spoky yena uthe: "Ukuba zange akukhuphele la okapi yakhe awumazi...lala ngoxolo kumkanikazi."

USechaba Kharasi uthe: "Yho ezi ntwana zincinci ziza kuthukwa ngubani ngoku xa zidlala into encinci."

USis Thoz utyibekiwe nangokukhulisa nangokumilisela umbhoxo kwabamnyama.

Omnye wabakhuliswe nguSis Thoz kumbhoxo nobhale ileta yembeko, uMax Levine, uthe: "Ebengumthunywa ngokwenene kuba ushiye olona phawu kumdlali ngamnye, kwezolawulo, kumaqela omboxo, kuquka nabathandi nabalandeli bombhoxo. Asisoze siyilibale indlela alilwele ngalo ikamva lomntwana omnyama.

"Iinzame zakhe zakuhlala zibonakala nanjengoko abaziwayo ngoku kwihlabathi jikelele kumbhoxo uMakazole Maphimpi noLukhanyo Am baphuma kulo migudu kaSis Toz, ebonisa italente yeBorder Rugby. Ayisoze ijongelwe phantsi imigudu yakhe ebuyisela umbhoxo eluntwini."

Elikrotikazi lakukhunjulwa nangesibindi. Lakukhunjulwa nangokukhankasa eqokelela abantu namalungu ekubeni kuyokunikwa inkxaso isikhokelo seBorder Rugby Union.