Uyathengeka kwakhona umbane waseBuffalo City Metro.
Image: BCM
IBuffalo City Metro iqinisekisile ukuba umbane uyathengeka ngendlela eqhelekileyo kwakhona ekuqaleni kwale veki. Oku kulandela emva kokuba abantu baseGompo City, eMdantsane naseQonce bengakwazanga ukuthenga umbane imini yonke yangeCawe edlulileyo ngenxa yokuphazamiseka kwendlela ekuthengiswa ngayo umbane kwiindawo eziphantsi kweBuffalo City Metro.
Imini nobusuku bayo ngeCawe edlulileyo, iinkcuthe zobuchwephesha zilwe nento ekuye kwacaca ukuba ngabantu abahekhayo abebefuna ukuwisa inkqubo yokuthengiswa kombane. Ekuseni kakhulu ngoMvulo wale veki, umasipala uqinisekisile ukuba umane uyathengeka kwakhona.
"Siyabaqinisekisa abantu ukuba ingxaki yombane isonjululwe. Sikuxolisela kakhulu ukungakwazi ukufumana umbane ngenxa yophazamiseko. Amashishini nabantu emakhaya bakwazanga ukusebenza ngendlela eqhelekileyo ngenxa yokungakwazi ukuthenga umbane. Sibulela umbonde wabo nentsebenziswano abantu baseBuffalo City. Umasipala uzimisele ukuqinisekisa inkonzo yombane engenangxaki," itshilo ingxelo ekhutshwe ngumasipala.
Abantu abaninzi bavakalise ukuphazamiseka kwakho kokwenzekileyo kumakhasi onxibelelwano imini yonke. Emva kophando olukhawulezileyo, umasipala uye wavuma ukuba bekukho abantu abebezama ukuhekha inkqubo yobuchwephesha yakhe.
"Senze uphando ngoba besifuna ukukhusela umsebenzi wethu. Inkampani esiyisebenzisayo iqinisekisile ukuba akukho zinkcukacha zabantu nezikamasipala azibiwanga. Umbane ngoku uyathengeka ngazo zonke iindlela eziqhelekileyo," itshilo ingxelo ebhaliyo kamasipala.