Kudutyulwe ababini kwivenkile yabo eBusila, kuGatyane. Amapolisa akhangela abarhanelwa.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Babini abarhanelwa abakhangelwayo emva kokuba bethe badubula babulala inkosikazi (55) kwakunye nendoda (62) kwivenkile yabo eseMbovu kuBusila.
Esi sehlo senzeke ngorhatya lwangoLwesine weveki ephelileyo sisenzeka sele ibethile intsimbi yesixhenxe ngethuba amaxhoba engaphakathi evenkileni yawo eMbomvu.
Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi abarhanelwa ababini bangene kule venkile bezogqume ubuso ngebhalaklava, baqala ngokufuna imali nompu. Emva koko kuvakale izithonga zompu, kanti kungethuba kudutyulwa esi sibini.
AmaPolisa afike kwindawo yexhwayelo amaxhoba ephantsi kwaye sele ebhubhile.
UMawisa uthi akukabikho mntu ubanjiweyo malunga nesi sehlo. Uthi kodwa uphando lusaqhuba.
AmaPolisa abongoza intsebenziswano kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nesi sehlo eze ngaphambili. Kungenjalo, atsalele ku08600 10111 uza kukhuseleka.
UMawisa uthi abaphandayo abazokuphumla de babe bayabanjwa abarhanelwa ababini.