UZakhele Chonco waseMgungundlovu KwaZulu-Natal obetha ngedolo phantsi ongafuni kungcwaba uyise wakhe kuba esithi zange amondle esaphila.
Image: Uthunyelwe
Indoda yaseCopesville, eMgungundlovu, ibetha ngedolo phantsi ithi ayizukumngcwaba uyise wayo kuba naye zange amondle kwaye zange amphathe nakakuhle ngethuba esaphila.
UZakhele Chonco (43) uxelele I'solezwe lesiZulu ukuba akafuni nokuyiva nje into ezokumdibanisa neyokungcwaba uyise wakhe ongasekhoyo uKhipha Chonco (72).
UChonco uthi emcaphukisayo kukuba ngethuba esaphila uyise wakhe woyisakala ukuba ngutata wokwenene ebomini bakhe.
Sithetha nje sele kuphele inyanga ulele emkhenkceni karhulumente umzimba ka tat'uKhipha. Nathi ukuze aphume kula mkhenkce utatakhe uxhomekeke kuye alungiselele umngcwabo kuba inguye omdala.
Uqhube wathi akazukumlungiselela. Uthe akakho nomnye umntu oza kumguqula ukucinga nokuba kungathiwa umntu uvela ezulwini, akakho onokumguqula isigqibo sakhe.
"Andifuni nokuyiva nje indaba yokuba kumele mna ndingcwabe le ndoda. Ndiza kungcwaba umuntu ondenzele ntoni nje esaphila? Ndingamngcwabelani nje umntu owoyiswe ukubona ukuba unendodana esaphila. Kuzothi ke ngoku ngoba engasekho kulindeleke okuhle okuvela kum ekubeni yena engazange akwenze okuhle okuza kum esaphila. Sobe, ngeke yenzeke lo nto,'' utshilo uChonco.
Ukwadize ukuba indlela imeko ibimbi ngayo phakathi kwakhe noyise de kwafikelela apho uyise wakhe wamenzela isithintelo senkundla esaziwa ngokuba yiprotection order, ngelasemzini.
''Lo mntu wahamba wayokwenza isithintelo senkundla esokuba ndingaze ndisondele kuye. Yintoni ke ezondenza ndisondele ngoku engasekhoyo. Andikwazi ukusondela kuye ke nje ngokuba naye ebenqwenelela njalo esaphila,'' woleke ngelo uChonco.
Eqhuba uthe uyise akukho nenye nje into ebibonisa ukuba unendodana endala. ''Sendide ndaba mdala ndaba mngaka ndiyindoda lo mntu andikhumbuli nje ebangutata kum. Kodwa sekufanele ndibe yindodana entle kuye.
"Andikhathali nditsho noba kungaphela ixesha elingakanani elele emkhenkceni, akukho kwanto ithi thiki, ndakube ndiyaxoka ukuba kunjalo. Zange azihluphe ngokundondla futhi engazange azihluphe okuba abenobudlwelwane nam njengatata nonyana."
NgokukaRhulumente, umuntu ongenabani uye angcwatywe ngokwenqkubo ehlukileyo xa engaziwa kungaziwa nezihlobo zakhe.