Kukhangelwa umakhulu osemfanekisweni uNosisana Violet waseKhayamnandi, eDespatch.
Image: SAPS
AmaPolisa aseDespatch acela ukukhangeliswa umama osemdala oseneentsukwana edukile, uNosisana Violet Kate (76), nohlala kwisitalato iFort Calata, eKhayamnandi, eDespatch.
Isithethi samaPolisa, uSandra Janse Van Rensburg, uthi umakhulu uphume endlini emva kwentsimbi yeshumi elinesibini (12am) ezinzulwini zobusku ngeCawa emva kokuba ethe waxabana nelungu losapho.
Ukusukela ngeCawa umhla we15 ukumka kwakhe endlini akakaphinde abuyele endlini kwaye kungekho nomkhondo ukuba waye wayaphi ngoba busuku.
Kuphando olwenziweyo akakhange afike nakubamelwane nakwizihlobo aye azityelele xa enexesha.
AmaPolisa ayabongoza ombonileyo umakhulu atsalele kule nombolo 082 441 7828 okanye ku08600 10111.