Iindaba

Waqala ngokucela iR2 kwixhewukazi kanti ufuna ukulidlwengula

Abongile Ginya|Published

Ugwetywe ubomi uSiphamandla Makapela waseMazotshweni eDikeni emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula ixhewukazi (75).

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ufunyenwe enetyala lokudlwengula ze wagwetywa ubomi ngaphakathi ejele uSiphamandla Makapela (27) waseMazotshweni, eDikeni, egwetywa yiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika.

Esi sigwebo siza emva kokuba uMakapela wathi wadlwengula ixhegwazana (75) laseMazotshweni kweyoMnga ka2024.

Ixhoba (75) limazi umrhanelwa ukusukela ngo2019, nanjengoko ebeye emane encedisa pha napha kwikhaya eli lexhoba.

Ingxelo ithi ngosuku lwesehlo, ixhegwazana lalibuya kwisici esasisekuhlaleni ngethuba lidibana noMakapela ecela iR2, xa lisithi alinamali, wangena ngenkani esangweni esithi makalande isipaji.

UMakapela wangena ngenkani endlini wakhulula impahla yakhe emva koko wayalela ixhegwazana ukuba likhulule iimpahla elizinxibileyo.

Ingxelo yesithethi seNPA, uLuxolo Tyali, ithi xa lingavumi ukukhulula ixhegwazana, walibetha ngamanqindi walikrazulela nefasikoti yalo de wabe uyalidlwengula.

Ixhewukazi lazama ukuzilwela, umrhanelwa waphuma ngefestile wabaleka.

lxhewukazi latsho lafumana ithuba layokuchaza oko kwakusandul’ ukwenzeka kubamelwane nabaye ngokukhawuleza babiza amaPolisa.

UMakapela wabanjwa ngengakusa ngamaPolisa. Oko wayeseziseleni de kwabe liyaqukunjelwa kule veki ityala lakhe nanjengoko umbuso zange umnike ibheyile.

UMakapela uye waliphika ityala esithi akanatyala.

Ngethuba kuqhuba ityala, uAdv. Lifa Matyobeni uveze ukuba uMakapela uhlasele ngokungenalusini umhlolokazi ongenakuzilwela ohlala yedwa ezilalini. Esithi esi sehlo senzeke kwikhaya lakhe neyindawo acinga ukuba ikhuselekile, esithi isigwebo sobomi simfanele.

OyiNtloko kwezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo.