Omnye wabafundi bakwaNoxhakaza Primary School kuMtebhele eNgqamakhwe obonelelwe ngezihlangu yiZandra Holdings.
Image: Wele Izzy Mtebele
Isikolo iNoxhakaza Primary School kuMtebhele, eNgqamakhwe, yenye yeendawo ekusabonakala ukuba isaludinga uncedo ngongenelelo kuba le nto kuthiwa yimpucuko abafundi basayiva ngembali.
Oku kwenze isazela koyinzalelwane yala mmandla, uZandiswa Mabusela, wenkampani yabucala iZandra Holdings ngokuthi ancame konke athengele abantwana besi sikolo izihlangu.
Abantwana abaxhamlileyo bangamashumi amabini ananye (21).
UMabusela uthi ukhumbule imvelaphi yakhe ngethuba ekhuliswa ngumzali wakhe omnye esekule minyaka bakuyo aba bantwana.
"Ndikhuliswa ngumama, khange ndikhule lula kwaye ndingakhange ndifumane yonke endiyifunayo. Ndiye ndacinga ngabantwana abakwimeko efana neyam xa ndandingangabo. Eyonanto ndiyinqwenelayo kubo kukuba isikolo basithande, basikhuthalele, bafunde ukuze babezizinto ngomso ukuze nabo babuye bakhumbule abaza emva kwabo," utshilo uMabusela.
Abafundi bakwaNoxhakaza Primary School bebekade benxiba izihlangu zabo zokuswenka bengenazo ezesikolo.
Image: Wele Izzy Mtebele
Utitshalakazi wakuNoxhakaza, uFundiswa Dlakana, engawuvali umlomo yinto abayenzelwe yile nkampani, uthi into emenza ukuba abenombulelo ongazenzisiyo kukuba ngenene abantwana bebezidinga ezi zihlangu.
UDlakana uthi la ndawo ayondawo yabantu abanezinto, abathathi ntweni baxhomekeke kwinkamnkam karhulumente.
"Sinombulelo kakhulu ngento abasenzele yona eyokuphucula imeko yabantwana bethu. Sinovuyo olungumangaliso lwale nto basenzele yona, ndiqinisekile ezintliziyweni zabazali kumnandi kakhulu. Eli ligalelo eliphucuke kakhulu. Nabo abantwana ndiyakholwa bakhuthazekile, bazokutsho bazimisele bayazi ukuba la matiletile enzelwa bona ekubeni bangahleleleki kwabanye abantwana," utshilo uDlakana.
UZandiswa Mbusela weZandra Holdings.
Image: Wele Izzy Mtebele
UMabusela uthi usaza kuqhubekeka encedisa kwizikolo ezingathathwi ntweni. "Umnqweno wam kukuba nyaka nonyaka ndiyenze le nto ndenze nangaphezulu kunoku."
UMabusela uthi uqale kunyaka ophlileyo ukuqokelela ezi zihlangu ekhupha kuye mpokothweni.
Owayesakuba ngumsasazi okwalitshantliziyo, uWele Izzy Mtebele, uthi ngenene liyancomeka iphulo elenziweyo yiZandra Holdings. UMtebele ukwahlab' ikhwelo nakurhulumente nakuye nabani na onokunceda olule isandla nangantoni na ukuphucula imeko.