USodolophu weSithili saseChris Hani uLusanda Sizani nokwayinkokheli yeANC kula mmandla.
Image: Uthunyelwe
Inkokeli yeANC eChris Hani, uLusanda Sizani, uvele kwinkundla kamantyi waseMonti ngoLwesithathu.
USizani, okwanguSodolophu womasipala weSithili saseChris Hani, uvele ngetyala lokuphatha umpu ngokungakhathali emva kokulahlekelwa ngumpu wakhe ngethuba eseMonti kunyaka ophelileyo.
Kurhaneleka ukuba umpu (wohlobo lwe9mm) kaSizani walahleka kumbindi wedolophu yaseMonti ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo ngethuba wayezokuzimasa indibano yeANC eICC eQuigney.
Ingxelo ithi unogada wakhe wayeqhube imoto eyayihamba uSizani ngethuba efumanisa ukuba umpu wale nkokeli kwakunye nezinye izinto awukho emotweni.
Ngethuba eyobika emapoliseni ngokulahleka kompu wakhe, uSizani wabekwa ityala lokungakhathaleli umpu wakhe.
Ngenxa yoku, iANC iye yathatha isigqibo sokuba lo kaSizani athi gu bucala kwizikhundla zakhe de kuqosheliswe ityala ajongene nalo.
Esi sigqibo sinefuthe kumnqweno kaSizani wokuba acele umngeni kwisikhundla sokuba nguNobhala weANC ephondweni ngethuba lenkomfa yephondo ekulindeleke ukuba ibanjwe kule nyanga izayo.
Iinkokeli zeANC eChris Hani bezisenkundleni ngethuba evela lo kaSizani kwanamalungu osapho.
Phakathi kwazo ibinguMadoda Papiyana onguSodolopho wase-Enoch Mgijima, nokwanguSekela Sihlalo weANC eChris Hani.
UPapiyana ethetha neentatheli ngaphandle kwenkundla uthi uSizani akanatyala.
"Ityala lakhe alinabuzaza obubangela ukuba kuthiwe makathi gu bucala kwizikhundla zakhe," utshilo uPapiyana.
Ukwaleke ngeliqinisekisayo ukuba uSizani ukulungelele ukucela umngeni kwisikhundla sokuba nguNobhala wephondo.
Ityala likaSizani liza kubuyela enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kwakule nyanga.