Ngoku bakho kumazwe angaphezu kwamashumi asixhenxe anesihlanu (75), abakwaChangan bazibonakalisa njengenye yeenkampani eziphambili kushishino lweemoto kwihlabathi liphela. Bathenjwa zizigidi zabaqhubi kwihlabathi liphela, kwaye bayazingca ngokuzisa loo mgangatho, ubuchule bokusungula izinto ezintsha nokuthembeka okufanayo eMzantsi Afrika.
Ubutsha nobugcisa, ukususela ngo1862
Sekuyiminyaka elikhulu elinamashumi amathandathu (160) uChangan esoloko ekhokhela kubunjineli nasekusungulweni kwezisombululo zokuhamba. Namhlanje, bame phakathi kwabavelisi beemoto abaphezulu ehlabathini, baneendawo zophando nophuhliso ezikumgangatho wehlabathi, amaziko emveliso aphucukileyo kunye nenethiwekhi egubungela onke amazwekazi. Iimoto zabo azilungiselelwanga ukusebenza kakuhle kuphela, kodwa nokukhuthaza — zidibanisa ubuchwepheshe obuphambili, uyilo lwangoku nokuthembeka okuhlala ixesha elide.
Banika abaqhubi baseMzantsi Afrika okungakumbi. UMzantsi Afrika umele isahluko esitsha esonwabisayo kolu hambo. Njengenye yeemarike zeemoto ezinamandla eAfrika, likhaya lesizukulwana esitsha sabaqhubi abaxabisa umgangatho, ukufikeleleka ngexabiso noyilo olujonge ikamva. Ngokungena kule marike, bazibophelela ekunikezeleni ngaphezulu kweemoto — banikezela ngentembeko, ukonwaba nenkathalo.
Eyona nto eyenza iChangan yahluke kukukwazi ukudibanisa amava ehlabathi nokuqonda iimeko zasekuhlaleni. Inethiwekhi yabo yabathengisi (dealership footprint) nenkxaso yasemva kokuthenga (aftersales support) yakhelwe ukuhlangabezana neemfuno zemihla ngemihla zabaqhubi baseMzantsi Afrika, iqinisekisa uxolo lwengqondo ixesha elide emva kokuyithenga. Ukusuka ezindleleni ezixakekileyo zasedolophini ukuya kuhambo olude, iimoto zabo zixhotyiswe ukugcina abantu baseMzantsi Afrika behamba ngokulula.
Baqhutywa kukuguquka – baqhuba inkqubela ngabantu. Ukuqhutywa kukuguquka kuthetha okungaphezulu kokuhambisana nekamva — kuthetha ukulikhokhela. Ngemodeli nganye abayisungulayo, bajolise ekuphakamiseni umgangatho wokuhamba — ukhuseleko olungcono, ubukrelekrele obuphezulu nokuzinza. Kwaye ngoku, uMzantsi Afrika uyinxalenye yalo mbono.
IChangan isoloko ikholelwa ukuba inkqubela ayikho kubuchwepheshe kuphela, koko ikwabantu. Ngokungena eMzantsi Afrika, abandisi nje kuphela ubukho babo ehlabathini – bakha unxibelelwano olutsha, baxhobisa abaqhubi kwaye badala amaxesha aqhuba ubomi phambili.
Uluhlu lweemoto zakwaChangan esezithengiswa kweli ziquka iAlsvin sedan, CS75 Pro SUV, Hunter Reev kunye neDeepal S07 EV.