Iindaba

Akhululwe amakhosikazi amahlanu ajongene netyala lokubulala

Abongile Ginya|Published

Akhululwe ngebheyile amakhosikazi amahlanu aseDespatch ajongene netyala lokubulala enye inkosikazi.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

INkundla yaseKariega, eDespatch, ibakhulule ngebheyile yewaka (R1000) umntu ngamnye, amakhosikazi amahlanu ngethuba evela enkundleni ngoLwesibini malunga netyala ajongene nalo lokubulala.

Ingxelo yamaPolisa ithi uCynthia Nowizana Mali (56), ngomhla we18 kwinyanga yokuqala kulo nyaka ka2026, kwisitalato iMahashe, eDespatch, wahlaselwa ngala magqiyanza empakanyela ngokumhlaba embulala.

Isithethi samaPolisa, uCaptain Sandra Janse Van Rensburg, uthi kuphando olwenziweyo kuvele into yokuba bahlanu abantu ababhinqileyo abaye bafaka amaphepha okubanga kwi-inshorensi emva kokubhubha kukaMali.

La makhosikazi ajongene netyala nguZizipho Foster (26), Thandiswa Mama (40), Yanga Mfengu (23), Pholisa Luguxa (46) kwakunye noNomaqadi Koli (46).

Aba barhanelwa baye babanjwa  kwiveki ephelileyo umhla weshumi (10) kule nyanga.

Ityala labo limiselwe umhla weshumi (10) kwinyanga kaTshazimpuzi.

Uphando malunga netyala lokubulala liyaqhuba.