Iindaba

Umama wentwazana ebethwe lizulu ucela amalizo konovakalelwa

Abongile Ginya|Published

UAlizwa Sotondoshe (12) wakuMaya eCofimvaba obethwe lizulu wabhubha. Naye ebelilungu leNkciyo.

Image: Khula Community Development

Usapho lakwaSotondoshe, kuMaya, eCofimvaba, elibhujelwe ngumntwana walo ngesiquphe emva kokuba ebethwe lizulu ngempelaveki, lucela uncedo ebantwini ngoba alinayo imali yokuthenga ibhokisi yokufihla uAlizwa (12).

Umama wale ntwazana, uYolisa Sotondoshe (45), encokola neli phephandaba uthe unawo umbutho wasekuhlaleni ebewubhatala nozakuthi uncedise ngokutya, into ekusenzima kuyo yibhokisi.

Lo mama, ongathathi ntweni, ebesele esemva kakhulu kwinkampani yomzi wabangcwabi ekubhataleni, kungoko engakwazanga ukuyifumana ibhokisi. Uthi kodwa kunjalo, lo mzi wabangcwabi ukwazile ukumnika imali ethile neyile acelela phezu kwayo kuluntu lumncedise atsho akwazi ukongeza athengele umntwana wakhe ibhokisi.

UYolisa nongumhlolokazi uthi akukudalanga esandula ukungcwaba umyeni wakhe ebesenolo nxeba nebelingekapholi xa ngoku eshiywa ngumntwana kanje. "Inxeba emva kwelinye. Kona ndiyazama ukwamkela kodwa akululanga isingathi kuba lo tata ebesaphila ngendingevi intlungu ngolu hlobo.

"Bendingekapholi kuba naye wemka ngendlela engemnandanga njengokuba nomntwana wam emke kanje, ibisengabona ndithi ngamathemba am. Ndishiyeke nomnye ngoku umntwana," utshilo uYoliswa.

Ngokwengxelo yevidiyo yeKhula Community Development ithi uAlizwa neetshomi zakhe ezine kwakunye nomama wakhe bebesendlini bezolele izulu ngethuba bedityaniswa ngeentloko sisithonga kwanombane nogqobhoze idonga lendlu.

Ingxelo ithi lo mama xa ebona umntwana wakhe ebhedulula amehlo eyokumhlangula naye liye lambetha esandleni. Usapho luwenzile amatiletile lizama uncedo kodwa kwabe sele kungekho xesha wabhubha.

UPetros Majola weKhula Community Development, ubongoze noMasipala wasekuhlaleni uNtsika Yethu ekubeni uncedise apho ukwazi khona kuba imbi imeko yekhaya.

Onomdla weli bali nokwafuna iinkcukacha zokuncedisa angabukela ividiyo epheleleyo, iakhawunti yebhanki uCapitec ngu1870288058.

Usihlalo wakwaMaya, uNceba Cekiso, uthi nabani na onalonto arhalela ukuyiphosa kolu sapho makangathandabuzi aphose kuba ingalwenza utshintsho nanjengoko ludinga uncedo usapho.

UAlizwa ebesenza uGrade7 eGanda Primary School, okumangalisayo kukuba naye ebelilungu lenqkubo yohlolo lwamantombi azigcine kakuhle iNkciyo.

Kwiveki epheleileyo, njalo bekungcwatywa uLathitha Nako (18) nobesenza uGrade 12 eBuhlanyana eLusikisiki naye nobebethwe lizulu ekowabo ekwalilungu le Nkciyo. Uluntu luyabongozwa ukuba luhlale luqaphele kule mozulu imbi iqhubekayo.