Iindaba

Abakafumaneki ababulala kabuhlungu iPolisa laseMonti

Abongile Ginya|Published

UConstable Msuthu obulewe ngokungenalusini ngo2024 ebhaqwa eWestbank.

Image: SAPS

Ngunyaka wesibini bengekafumaneki ababulala uConstable Sinethemba Msuthu (36) nowayesebenza kwisikhululo samaPolisa saseCambrigde eMonti.

Oku kubangele ukuba abecandelo elijongene namatyala anobuzaza kwiiHawks bashukume kwakhona ukukhangela umkhondo ukuze kubanjwe ababandakanyekayo nanjengoko kungekabikho mntu wabanjwayo ngesehlo sokubulawa kwakhe.

Isithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, uthi uMsuthu wachazwa ngomhla wamashumi amathathu (30) kuCanzibe ka2024 njengolahlekileyo kwisikhululo saseCambrigde.

Ingxelo iqhuba ithi emva kokuba kuvulwe ityala, ngosuku olulandela umhla wokuqala enyangeni, kwabhaqwa umzimba kaMsuthu kude kufuphi nolwandle lwaseWestBank unamanxeba awambangela ukuba abhubhe.

IiHawks zibongoza intsebenziswano zisithi nabani na onokuba nolwazi ngokubulawa kukaMsuthu okanye owazi abarhanelwa nonento ayikhumbulayo eze ngaphambili. 

Onolwazi angatsalela uColonel Raymond Buys ku082 301 1135 noWarrant Officer Sandisile Zenzile ku082 772 3664, kungenjalo atsalele u08600 10111.