Iindaba

Uninzi luthethelela inkosikazi egxothwe kuBig Brother Mzansi 'Bazozwa'

Abongile Ginya|Published

Neliswa Ngda (30) nongabobakalisanga kuzisola ngethuba enikwa uphumaphele kule nqubo yokhuphiswano kaBig Brother Mzansi 'Bazozwa" neku season 6

Image: facebook

Uninzi labantu kumakhasi onxibelelwano ngokohlukana kwawo luthethelela uNeliswa Ngada (30) othe wanikwa uphumaphele ngokuhlwa kwangeCawa kwinkqubo ethandwayo yokhuphiswano labantu abatsha iBig Brother Mzansi, ‘Bazozwa’ season 6.

Le nzwakazi, eyinzalelwane yaseKapa kwiphondo laseNtshona Koloni, igxothwe ngobusuku bayizolo emva kokuba ibonwe ibetha uQondile Nongogo nowaziwa ngelikaQue igama kule nkqubo ngethuba bebuya kumjuxuzo wangoMgqibelo.

UNgada ungenelele kwingxabano ebingezi kuye koko wachukumiseka kuba ingempathombi nto leyo impathombi ingundabamlonyeni kwaye ingumcelimngeni ogubungele uMzantsi Afrika.

Akukhange kubem nandi xa esiva omnye ahlala nabo endlini uDidi Mothobi ethukwa nguQue ngelithi ufanele ukuba njeya kuba ‘waphathwa kakubi’ le nto khange ingene kamnandi kwabaninzi ngaphakathi egumbini naye yena uNgada wade wabe uyabetha.

Abantu, ingakumbi abasetyhini, bamthethelele uNgada ngelithi bayavuya kuba engabonakalisi kulila nakuzisola ngokugxothwa kwakhe uNeliswa kuba ebemela inyaniso kuba uQue ebengafanelekanga ukukhupha amazwi awakhuphileyo kuDidi.

Olunye uluvo esilucaphule kwikhasi likaBig brother: “Impathombi ichukumisa abantu abaninzi ngendlela ezohlukenenyo. Xa ebesithi 'awufani waphathwa kakubi nje', uQue ebefana nokuba uthi ‘wawufanele ukuhlukunyeza’. Ulitshantliziyo Nelly, thina singamanye amanina sikuqhwabela izandla.”

Olunye uluvo: “UNeliswa ndimazi ukusukela ngeentsuku zethu eyunivesithi ngo2021, kwaye akangomntu undlongondlongo ngumntu ozipholeleyo ngenene ikhona into emchukumisileyo.”

UQue, kwividiyo yangoMvulo wale veki, uxolisile naye esithi uxolisa kuDidi, kumanina ahlala nawo kolu khuphiswano ekwaxolisa nakumanina oMzantsi Afrika ngelithi uyakwenza ngcono kwilixa elizayo. Uthi ebengakufanelanga akutsho akutshiloyo kuDidi kuba oku kuvuse umnyele kumanina uthi uyaluthatha uyazisola.