Iindaba

Ibanjiwe indoda egqumze utitshalakazi imali eyiR1.27-million ngelithi ngumyalelo wezinyanya

Abongile Ginya|Published

William Matyuba (37) ubanjiwe ogqumze iTitshalakazi yaseQonce imali engange R1,27Mil

Image: File

Ubanjwe kwiNqwelomoya yase-OR.Tambo International Airport kwiveki uWilliam Matyuba (37) nobe kukudala ebaleka ityala lokuqhatha itshalakazi ngelithi iyalelwe zizinyanya ukuba ithathe umhlaphantsi.

UMatyuba (39) kuvakala ukuba waqhatha utitshalakazi waseQonce ngelithi ufumene umyalezo kwizinyanya ezimyalela ukuba axelele ukuba kuthwa makayeke emsebenzini wakhe ukuze atyale imali yakhe eza kube ininzi xa eyifumana.

ULieutenant Colonel Avele Fumba uthi ngenene utitshalakazi wenza njalo ngokomyalelo kaMatyuba watsho eqalisa ukumane ethumela izikhuntyu zemali kuMatyuba nowaye waduka negama lakhe emva koko.

UMatyuba, ongumrhanelwa, ubanjwe eOR Tambo ngomhla wesihlanu (5) kule nyanga xa engena apha eMzantsi Africa esuka kwelinye ilizwe. 

Uye wabanjwa wayokuvela phambi koMantyi waseKempton Park Court emva koko wathunyelwa eZwelitsha nekulapho alindeleke ukuba avele ngomhla we26 kule nyanga.

UMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ugxininise ukuba ukubanjwa kukaMatyuba kudlulisa umyalezo kwizaphulimthetho.