UVuyo Tyeni ugwetywe iminyaka elishumi elinesibhozo emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula inkwenkwana (8).
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Inkundla yeNgingqi yamaTyala yaseMthatha igwebe indoda yaseBhongweni egama linguVuyo Tyeni (36) emva kokuba imfumene enetyala lokudlwengula ngokungenalusini inkwenkwana eneminyaka esibhozo kuphela izelwe.
Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa kula mmandla, uCaptain Welile Matyolo, ithi esi sehlo senzeka kwaPhase2 eBhongweni eMthatha kuTshazimpuzi ka2024.
UTyeni wavisa ixhoba ubuhlungu phambi kolidlwengula walivala amehlo kwakunye nomlomo ngesoloteyphu ukuze lingaboni kwaye lingakhali.
Ingxelo iqhuba ithi emva kweentsuku, le nkwenkwana yamane ikhala ngeentlungu kumva wayo de yachaza obekwenzeke kuyo kwavulwa ityala lokudlwengula emapoliseni.
UTyeni waye wabanjwa ngenyanga elandelayo kuCanzibe ka2024, emva kwesehlo wayeneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ngoko.
USergeant N. Mdikane nobecupha eli tyala, ngosuku lokuqala evela ngalo uTyeni waye wala ukuba anikwe ibheyile. UTyeni wabangaphakathi eziseleni de wabe uyagwetywa kule veki enikwa iminyaka elishumi elinesibhozo (18).
UMajor General Norman Modishana usamkele esi sigwebo sinikwe okaTyeni.