Liseziseleni ilungu leMsintsini Forum kude kufuphi naseMdantsane elijongene netyala lokudlwengula nokubulala.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Uvele phambi koMantyi waseMdantsane uLulamile Mgqaleso (36) ngezityholo zokudlwengula nokubulala uPhakama Funaphi (39).
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samaPolisa kula mmandla uCaptain Mluleki Mbi, ithi oomakhelwane bakaFunaphi kwilali yaseMsintsini kude kufuphi naseMdantsane baye baba nesikrokro emva kokuhamba kweentsuku bengamboni ephithizela ngakwityotyombe lakhe nabaye bayokumkroba bagangwa ngumzimba wakhe.
UMbi uthi kwabizwa abantu beziko lokugcina izidumbu nabaye baqaphela ukuba umzimba unamanxeba bacebisa ekubeni kubizwe amaPolisa.
Ingxelo iqhuba ithi, nanjengoko uMgqaleso elilungu le foram yaseMsintsini, amanye amalungu eforam aye anesikrokro emva kokuba enefowuni enobuso bukaFunaphi kuye.
UMcuphi wetyala waye walandelela kumkhondo lo uza nabahlali nekulapho waye wathetha amabali awohlukeneyo kwaye angavakaliyo. Xa exinwa ngemibuzo, watsho wavuma wakhomba nalapho ezinye iimpahla zikaFunaphi azifihle khona.
NgoLwesine kule veki ngethuba evela phambi koMantyi waseMdantsane, abahlali bazalise iNkundla becula, babe abanye bengaphandle bezokunika inkxaso kusapho lakwaFunaphi.
USihlalo weMsintsini Forum, uMbuyiselo Wakhe, uthi ibadanisile eyenziwe nguLulamile nanjengoko bebemthembile kwaye besebenza bonke nakwiforam elwa izenzo zeGBV.
Ityala liye lamiselwa ukuba afake isicelo sebheyile. UMgqaleso ukwathe uza kuzifunela elakhe igqwetha.