Kufuniswa ngezihlobo zemizimba emibini egcinwe kwiziko likarhulumente eligcina izidumbu kuKomani.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
AmaPolisa aseKomani akhangela izihlobo zomntu owabhubhayo ongaziwayo. Umzimba womntu oyindoda ongaziwayo, nosele kulithuba ukwiziko likarhulumente eligcina izidumbu, kucelwa uyokufaniswa eKomani.
Isithethi samaPolisa kula mmandla, uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi umzimba wafumaneka ngomhla we19 kweyeKhala wonyaka ophelileyo u2025 unamanxeba okuhlatywa ngakumasango womzila kaloliwe kwilokishi yaseZibeleni.
AmaPolisa ahlaba ikhwelo kuye nabani na onesihlobo esadukayo ukuba ayokufanisa umzimba ongaziwayo.
UMgolodela uthi sele ilixesha elideumzimba ugciniwe kwaye kuza kude kuthathwe isigqibo sokuba ungcwatywe ungekaziwa.
Ngethuba ebhaqwa, amaPolisa zange afumane iinkcukacha ezimchazayo kwabe kungekho namntu onobungqina.
Ngokwenkangeleko, unebala elikhanyayo, intshebe nenwele ziyafana zinebala elimdaka (brown) akamdalanga kwaye unomzimba ongemkhulwanga.
Lowo ulahlekelweyo angatsalela uSergeant Bonga Keva kuKomani SAPS kule nombolo yomnxeba: 071 475 2168.
Kusenjalo, kwesinye isiganeko, kufunyenwe umzimba wendoda ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMqungu 2026 ngorhatya udada ngaphezulu kumlambo okufutshane nejele yakuKomani kudekufuphi nerenki yeeteksi zaseHewu.
Le ndoda iqikelelwa kumashumi amane (40) ngokweminyaka yokuzalwa, unomzimba ze abemnyama ngokwenkangeleko. Umzimba ubusowuqala ukonakala. Umbala weempahla awayezinxibile wawunodaka ungacaci.
Malunga nalo umzimba, isihlobo singatsalela uSergeant Amin Qolo weKomani SAPS kule nombolo 073 018 1002, kungenjalo ku045 808 6019.