Iindaba

Obezenza iPolisa ekwathembisa nangengqesho kulutsha ubanjiwe

Abongile Ginya|Published

IPolisa lomgunyathi libanjiwe eJeffreys Bay.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ibanjwe ngentsasa yangoLwesine ngamaPolisa aseJeffreys Bay indoda (42) ebizenza iPolisa ikwathembisa nolutsha oludinga imisebenzi ngengqesho kula mmandla.

Ukubanjwa kwale ndoda kuza emva kokuba impintshwe ngumfazi wayo emaPoliseni.

Isithethi samaPolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthi le ndoda ibanjwe namhlanje uLwesine phambi kwentsimbi yesihlanu ekuseni, ibanjwa phantsi kwezityholo zobuqhophololo, ubuxoki kwanokuzenza iPolisa.

UNkohli uthi kuphando olwenziweyo luveza ukuba le ndoda ibigacela kanye abo balulutsha, ingakumbi abo badandathekileyo badinga imsebenzi, ibathembisa ngokubafaka emapoliseni akugqiba ababhatalise.

Ukubanjwa kwale ndoda kuza emva kokuba amaPolisa ebekhe akhupha isilumkiso ngomhla wesixhenxe kule nyanga ekubeni uluntu luqaphele ngentengiso yezithuba zengqesho zakwaSAPS eJeffreys Bay endanda kuWhatsApp.

AmaPolisa abongoza uluntu ekubeni izinto ezinje ngezi luzichaze ngaphambili okanye lutsalele iCrime Stop ku08600 10111

Umrhanelwa kulindeleke avele phambi koMantyi waseHummansdorp kungekudala, ungaphakathi eziseleni.