Iindaba

Kukhangelwa owaseZwelitsha obandakanyeka kumatyala okubulala nokuzama ukubulala

Abongile Ginya|Published

AmaPolisa afunisa ngoLwambeso Dyantyi waseZwelitsha obandakanyeka kwityala lokubulawa kwabantu ababini eZone 1 konzakala wamnye.

Image: SAPS

AmaPolisa aseZwelitsha eMpuma Koloni abongoza kuluntu lukhangeliswe uLwambeso Dyantyi (28) nobandakanyeka kumatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala.

Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi ukukhangelwa kukaDyantyi kuza emva kodubulwano olwathi lwenzeka eZone 1 eZwelitsha kweyeKhala ka2023. Apho uDyantyi kurhaneleka ukuba wadubula umzala wakhe nomakhelwane wabo babhubha ze elesithathu ixhoba lasinda ekufeni, kodwa lafumana umonzakalo.

UMawisa uthi umrhanelwa zange abanjwe, oko wabaleka emva kwesi sehlo nekukholelwa ukuba uzimela kwindawo ezohlukeneyo.

Ingxelo ithi kudala ekhangelwa ngabacupha betyala kodwa ngaphandle kwempumelelo.

AmaPolisa abongoza intsebenziswano eluntwini ukuze kubanjwe uDyantyi.

Onolwazi angatsalela uDetective Constable Omphemetse Moepeng ku060 594 1699 okanye kwezi nombolo 08600 10111, kungenjalo atyelele isikhululo esikufutshane naye.