UMandilakhe Balfour ugwetywe izihlandlo ezibini neminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ngaphezulu ngokubulala amagqiyazana amabini eNgcizela kuCentane.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Ufunyenwe enetyala ze wagwetywa izihlandlo zobomi ezibini ngaphazulu yaba yiminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ngaphakathi ejele uMandilakhe Balfour (45), ngezenzo zokubulala, zokuxhwila kwanokuba nompu oneembumbulu.
UBalfour ugwetywe yiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika ebichotshelwe eGcuwa.
Kumakhosikazi amabini awabulalayo, enye yawo nguNontlahla Mankqunkqwana, nowayethandana noBalfour.
Ngokwengxelo ekhutshwe yiNPA, ithi kwilali yaseNgcizela kuCentane ngomhla wesithathu kweyoMsintsi ka2023, ayemathathu la magqiyazana ezihlelele kwindawo yentselo ngethuba ehlaselwa kukufa.
Ukuphela kotywala, uBalfour wayalela la magqiyazana ekubeni amlandele kuyiwe kowabo kuyokuthathwa imali yokuthenga obunye utywala.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ngenene balandela bafika bangena kwigumbi lokulala likaBalfour nekulapho wabajikela wavala ucango wakhupha umpu ebadubula.
Elesithathu ixhoba lakwazi ukuphuma libaleke, lakwazi nokukhwaza uncedo elalini.
UTyali uthi abahlali ukufika kwabo kwindawo yexhwayelo, bafika omnye sele eswelekile, omnye onzakele wathathwa wasiwa esibhedlele nowaye wakhululwa wabhubha kwinyanga yesine ebhubhela ekhayeni.
Ngethuba kuqhuba ityala, uBalfour waxelela inkundla ukuba wayephantsi kwesifo soxinzelelo, kuba ngethuba edubula la magqiyazana kwakungathi udubula izikhova kuba embonweni wayebona zona.
INkundla yathatha isigqibo isithi akafanelekanga ukuba phakathi kwabantu ngenxa yenkohlakalo makanikwe isigwebo esiqatha okaBalfour.
iNPA isamkele esi sigwebo.