Iindaba

Lunyembezana usapho lentombi yeNkciyo ebethwe lizulu

Abongile Ginya|Published

ULathitha Nako (18) waseLusikisiki obethwe lizulu wabhubha esebhedini nomntana wakowabo nothe wasinda yena.

Image: UTHUNYELWE

Usapho lukaLathitha Nako (18), obhubhe emva kokubethwa lizulu ngethuba elele ebhedini, luthi okona kubuhlungu kubo kukuba le nzwakazi ibiza kuba ngeyokuqala ukuphumelela uGrade 12 kolu sapho.

Esi sehlo senzeke kwindawo yaseBuhlanyanga, eLusikisiki, ngoLwesithathu umhla wesine kule nyanga.

Usisi wexhoba, uLungiswa Nako, othethe neli phephandaba, uthi sisehlo esibashiye besathetha beyeka nabangakhange basilindele esi, neside sahambela kwizindlu ezimbini kweli khaya.

ULathitha, nobesenza uGrade12 kulo nyaka eBuhlanyanga S.S.S, ebekwalilo nelungu leNkciyo neyinkqubo yokuhlolwa kwabantwana abangamantombazana abangekazibandakanyi nezesondo, amantombi nto nebephantsi kweliso likaNomehlo uNophelo Sogaba.

"Okubuhlungu uLathitha ibingumntwana onenjongo ngobomi, ozaziyo ukuba ufuna ntoni ebomini, ebebucwangcisile ubomi bakhe. Zange anyanzelwe ukuba angenele kwinkciyo, wazikhethela.

ULathitha Nako (18) waseLusikisiki obelilungu leNkciyo ubhubhile emva kokubethwa lizulu eleli ebhedini nomntana wakowabo osindileyo.

Image: UTHUNYELWE

"Ngumntwana obejongene nezinto ezintathu qha ebomini, iincwadi zakhe, Inkciyo nosapho lwakhe kuphela. Ibingenguye umntwana ohamba esithubeni osela utywala, ebehlukile kuba ebengafani nabantwana abaziintanga zakhe ngokohlobo lokuziphatha. Besizokuqala ukuba nomntu onoGrade12," utshilo uLungiswa Nako.

OweKhula Community Development EC, uPetros Majola, uhlabe ikhwelo kuye nabani na onokwazi ukolula isandla kweli khaya ngokuxhasa amalungiselelo omngcwabo, nanjengoko lingathathi ntweni. Lowo unomdla wokuphosa nantsi iakhawunti yebhanka yakwaCapitec ayokufaka kuyo (1738690561).

UMajola ukwayaleze eli khaya libekwe emithandazweni. UMajola uthe: "Iindaba ezimnandi zezokuba inkampani yabangcwabi uAvbob sele esifezekisile isithembiso kweli khaya. Ndiyacela okwaziyo aphose esivivaneni, sendikhululwe yinkampani uAvbob ukuba soze ithambo lomntwana lilahlwe nje. Yonke inkqubo eyenziwa ngabangcwabi uza kuyenza."

ULungiswa uthi ngenene uAvbob sele ewuthathele kuye umzimba ngokoncedo lukaMajola. Uqhube wathi abakayazi ukuba baza kungcwaba nini kuba kusalindwe noluntu obeluthembise ngokuncedisa nanjengoko bengenanto esandleni.