UTsileng Sobuthongo obekwe njengoSodolophu wesithili saseAlfred Nzo nokwanguSihlalo weANC kula mmandla.
Image: FACEBOOK
Basamkele ngezandla ezishushu abahlali baseAlfred Nzo isigqibo sokubekwa kukaTsileng Sobuthongo njengoSodolophu woMasipala wesithili saseAlfred Nzo.
USobuthongo, okwanguSihlalo weANC kule ngingqi, ubekwe ngokusesikweni kwiveki ephelileyo kwisikhundla ebesibanjwe okwethutyana nguNomasomi Mshuqwana, nobekwe njengeSekela likaSodolophu.
Kumakhasi onxibelelwano, uninzi lulwamkele eli nyathelo lokunyuka kukaSobuthongo, benethemba lotshintsho besithi iimpompo zoma kudala amanzi engaphumi kula mmandla kwakuthi ngoku bahoyeke. Logama kubekho nabo bangalamkeliyo eli nyathelo, bakhalayo besithi ayilonyathelo elihle kuba khange kubekho tshintsho olungako eNtabankulu ngethuba exhuzula imikhala okaSobuthongo.
UVuyokazi Matwasa obekwe njengoSodolophu woMasipala iNtabankulu ebekade enguSomlomo, engena kwisitulo sikaTsileng Sobuthongo.
Image: FACEBOOK
Kwintetha yakhe emva kokubekwa, uSobuthongo uthe uza kuqinisekisa ukuba iinkonzo zikarhulumente zifika ngokukhawuleza kuluntu lwale ngingqi.
Uqhube wathi baza kuqinisekisa nangongenelelo kukhuliswe uqoqosho lwasekuhlaleni ukuze kudaleke namathuba emisebenzi.
USobuthongo uthi uxanduva ngoku luza kuba lukhulu nanjengoko esi sithili sijongene nemingeni emininzi kuyo esingabalula umba wamanzi.
Lo ubesakuba nguSodolophu kuMasipala wasekuhlaleni eNtabankulu.
Kusenjalo, le yinyanga yokugqama kwamanina kula mmandla. Kuza emva kokuba ngoMvulo kule veki kubekwe uVuyokazi Matwasa njengoSodolophu waseNtabankulu engena kwindawo ebiyeka Sobuthongo.
UMatwasa uphuma kwisikhundla sakhe sokubanguSomlomo webhunga kulo Masipala iNtabankulu. Ze yena uNomvula Kinase wabekwa njengoSomlomo engena kwindawo kaMatwasa.