Iindaba

Kubekwe bucala iR37 million yokuthenga iiphedzi zamantombazana ayi2.6 million ezikolweni

Abongile Ginya|Published

UMphathiswa Sebe loPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta.

Image: ECDSD

Urhulumente waseMpuma Koloni ubekele bucala imali ekwizigidi ezingamashumi amathathu anesixhenxe (R37 million) yokuthenga iziqhusheki zangaphantsi (iiphedzi) zamantombazana asesikolweni ayi2 690 140. 

Eli phulo lijolise kumantombazana akwizikolo ezihlelelekileyo (Quintile 1-3), kuquka nezikolo zabo baphila nenkubazeko kwanezo zasezifama, kwiphondo liphela. 

Le nkquleqhu iyinxalenye yeSebe loPhuhliso loLuntu ephondweni lokuzibophelela kwinkqubo yococeko nokuqinisekisa isidima.

UMphathiswa weli Sebe, uBukiwe Fanta, uthe ngokunikezwa kwezi phedzi bafuna ukususa imiqobo ethintela amantombazana ukuba angayi ezikolweni ngeemini ezithile xa esexesheni. 

Ukusiwa ezikolweni kwezi phedzi kulindeleke ukuba kuqosheliswe embindi wenyanga ezayo kweyoKwindla.

“Kwiphondo lethu, apho iintsapho ezininzi kunzima ukubeka ukutya etafileni, ukunikezwa kweephedzi asiyonto nje yokuqinisekisa ucoceko, koko linyathelo lokuqinisekisa isidima kumantombazana,” utshilo uFanta.

Le nkqubo ayikho nje ngokunikeza ngeephedzi, ikwakukubonisa ukuba abantwana abangamantombazana baziva bexhaswa kwaye bexabisekile. Kwaye ikwangokuxhobisa abafundi ekubeni baqhubekeke phambili ngamaphupho abo ngaphandle kokuphazamiseka.

Eli Sebe libulele inkxaso kwezo ziqhu zamaqela oluntu abasebenzisana nawo ukwenza eli phulo liphumelele.