Iindaba

Igwetyiwe indoda efunyenwe inetyala lokudlwengula intwazana (10)

Abongile Ginya|Published

UBongani Mraca (35) uza kuchitha iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ejele emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana (10).

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Uza kuchitha iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ngaphakathi ejele uBongani Mraca (35) emva kokuba egwetywe yiNkundla yeNgingqi yaseSterkspruit ngokuba imfumene enetyala lokudlwengula intwazana eselula ngokweminyaka (10).

Ngokwengxelo yeNPA, ithi iNkundla ive ukuba ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala ka2023, ixhoba (10) lalidlala nomtshana kaMraca kulo Mraca ePalmietfontein, ngethuba uMraca ebizela ixhoba ecaleni umtshana nabanye ootshomi wabathuma kwivenkile wafumana ithuba lokudlwengula ixhoba.

Ingxelo iqhuba ithi, ixhoba lakwazi ukuba libalise kumama walo ngokwenzeke kulo, nto leyo yakhokela ekubeni abanjwe uMraca walivuma netyala.

Isithethi seNPA ephondweni, uLuxolo Tyali, uthi ngethuba kuwiswa isigwebo, umtshutshisi wombuso, uAnele Magibile, ugxininise ukuba udlwengulo kukunyhasha isidima somntu kwanelungelo lomntu.

Nangona iNkundla ive neyokuba uMraca kokokuqala ebesenza ulwaphulomthetho, lo nto ayithi makanikwe isigwebo esincinci.

UMlawuli weeNkundla zaseMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthe: "Esi sigwebo sidlulisa umyalezo ocace gca owokuba izenzo zokuxhatshazwa kwabantwana ngokwezesondo soze kwamkeleke. iNPA izinikele ekuqinisekiseni ukuba bayagwetywa abo kwaye umthetho uyabalwela nabo babuthathaka."