USodolophu waseChris Hani District uLusanda Sizani osanikwe umyalelo wokuba athi gu bucala.
Image: FACEBOOK
Inkokheli yeANC kwisithili saseChris Hani, uLusanda Sizani, okwanguSodolophu wale ngingqi, uyalelwe ukuba athi gu bucala.
IKomishini yephondo ejongene nokuziphatha kwamalungu neenkokheli zeANC ithathe esi sigqibo ngoLwesine kule veki.
Oku kuza emva kokuba uSizani ethe wabekwa ityala lezityholo zokungaphathi ngendlela umpu.
KweyoKwindla kunyaka ophelileyo, unogada kaSizani waqaphela ukuba umpu nelaptop yale nkokheli ilahlekile kwibhegi yayo eyayisemotweni ngethuba ekwisitalato iOxford eMonti.
USizani wayeze kwinkomfa yeANC PEC eMonti ngethuba lesi sehlo. USizani wakubika oku emaPoliseni eFleet Street, kodwa kunjalo wabekwa ityala lokophula imithetho elawula imipu. Kulindele ukuba abuyele kwiNkundla yamaTyala yaseMonti nge19 yale nyanga.
Ngethuba evela kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo phambi koMantyi, liye lamiswa limiselwa itoliki yolwimi lwesiZulu ukulungelela unogada wakhe.
UNobhala weANC ephondweni, uLulama Ngcukayitobi, uthi kwesi sigqibo iANC isebenzise amatyathanga ayo okuqinisekisa ukuba igcina ukuziphatha ngendlela eyiyo kumalungu ayo.
Kwimbalelwano yangomhla wesithathu kule nyanga, uSizani uveze ukuba usathabatha ikhefu de kubengumhla wamashumi amabini kwakule nyanga, watsho endaweni yakhe ebeka okwethutyana uCeba Noncedo September.