Abazali bathi okubaxhalabisayo ngokuvalwa kwesi sikolo (Indevana H.P.S.) siza kumoshakala kwaye ibesisigqubu solwaphulomthetho.
Image: UTHUNYELWE
Emva kokuba abazali baseNdevana, eQonce, bethe bazikhupha kwelo langa beligqatsa ubhoyibhoyi ngoLwesine kule veki bekhalela ukuvalwa kwesikolo iNdevana H.P.S, baye baphuma nesisombululo bengabazali ekubeni kudityanwe noMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni kuMvulo weveki ezayo.
Ingxelo ephuma kubazali ithi oku kuza emva kokuba ngo2017 kwaphuma into kwiSebe lezeMfundo ethi izikolo ezibini ezimeleneyo, iNdevana H.P.S kwakunye neNokwanda L.P.S, ziza kudityaniswa ibesisikolo esinye, kodwa bathenjiswa ngokuba baza kuxelelwa phambi kokuba kuqalwe le nkqubo, kuza kuhlalwa phantsi ngumntu wonke obandakanyekayo.
Ingxelo iqhuba ithi iSebe lakwathembisa ukuba kulo ndibano kuza konyulwa neNqununu enye yezi zikolo zibini nangona kungenzeki njalo ngoku.
Abazali bethetha neli phephandababa, baqhube bathi kunyaka ophelileyo uMhloli omtsha ofikele kule nto akhange enze ngokohlobo ekwakugqitywe ngalo ngo2017. Ufike wenza ngolwakhe uhlobo ebiza ezi Nqununu bucala ngaphandle kwabazali. Ezi Nqununu zacela ukuba le nyewe mayiye nasebazalini ngokwesigqibo esasenziwe.
Bathi indibano yokugqibela kunyaka ophelileyo ekwakukho uCeba noMhloli zange iphele imnandi kuba zange kuvisiswane. Bakwathi bothukile xa bebona sele kuqhutywa ngotshintsho lwamabanga kwezi zikolo nanjengoko babegqibele kuthwe baza kubizwa xa sele iqalisa le nkqubo yotshintsho lwezikolo.
Enye yezizathu eziphambili ezivezwe ngabazali kukuba abalwi oko, bafuna ukumameleka kwizizathu abaziphakamisayo. Bathi esi sifuna ukuvalwa isikolo iNdevana H.P.S sesona sikhulu kwaye bazokonela bonke abantwana. Inkxalabo kukuba sincinci esi bathuthelwa kuso eNokwanda.
Umzali wesibini onomntwana eNdevana ethetha neli phephandaba, uthi okunye okubaxhalabisa ngakumbi kukuba esi sikolo kwiminyaka ezayo sakube sesimoshakele kwaye sibeyindawo yezigqubu zolwaphulomthetho. Bathi esi sikolo sele sifana nesitishi kubo kuba izinto zikarhulumente zenzekela kwesi sikolo nanjengoko silulutho kubo.
NgoLwesine ngethuba abazali bekwesi sikolo, khange ziqhube izifundo kuba baye bakhululwa abantwana ngokwenkuseleko yabo.
Ezi zikolo, iNokwanda L.P.S iqala kuGradeR iphele kuGrade4, ze yona iNdevana H.P.S iqale kuGrade 5 phele kuGrade7.