Iindaba

UMbhashe unike abalobi zixhobo kwiinzame zokuqinisa uqoqosho lasemakhaya

Abongile Ginya|Published

Abalobi abaxhamle kwizixhobo zokuloba baseHobeni eXhorha ngokoncedo loMasipala woMbhashe. Phakathi kwabo kukho noGqr. Samkelo Janda onguSodolophu walo Masipala.

Image: Mbhashe Local Municipality

Bangapha kwamashumi amathandathu abalobi baseHobeni, eXhorha, abathe baxhamla kwizixhobo zokuloba ngobonelelo lukaMasipala wabo uMbhashe.

Omnye wabo bathe bafumana izixhobo nothethele abanye abalobi nonguSihlalo wabalobi, uMalibongwe Gongqose, nobengawuvali umlomo ngumbulelo, uthi ukhulele kula ndawo ekhulela ekulobeni elwandle besebenzisa oozenzele bokuloba.

UGongqose uthi baloba bade bababadala. Uthi banethamsanqa bona kuba abanye sele babangamaxhego bathatha umhlalaphantsi bengazange baxhamle nto, kungoko enombulelo ongazenzisiyo. Uthi nangona ilizwe lihlupheka kodwa bona ubutyebi buninzi kwaye bukhona.

Ezi zizixhobo zabo baphila ngokuloba kumalwandle aseMbhashe ezithe zanikezelwa nguMbhashe.

Image: Mbhashe Local Municipality

"Ezi zixhobo azizukusinceda kuphela ekulobeni iintlanzi nasekuxozeni iimbaza, kodwa ziya kuqinisekisa ukuba singakwazi ukubonelela iintsapho zethu kwaye sibe negalelo kuqoqosho lwengingqi," utshilo uGongqose. 

Olu nikezelo lwezixhobo zokuncedisana noluntu kulobo emalwandle belubanjelwe eholweni yakuManganyelo kuWadi 20 eMbhashe ngoLwesibini kule veki.

Eli linyathelo loMbhashe lokuxhasa abalobi basekuhlaleni kunye nokuqinisa ishishini lokuloba phakathi koluntu.

USodolophu walo Masipala waseMbhashe, uGqr. Samkelo Janda, uthi lo Masipala uzibophelela ekukhuthazeni uphuhliso loqoqosho nozinzo eluntwini. "Ngeli nyathelo, urhulumente wasemakhaya ujolise ekuxhobiseni abo bakwishishini lokuloba, eqinisekisa ukuba banezixhobo ezifunekayo ukuze baphumelele," utshilo uJanda.

UJanda ukwakhuthaze iindlela zokuloba ezinoxanduva ukukhusela ubutyebi baselwandle bala mmandla.