Usapho lucela ukukhangeliswa usana lwabo uAsiphumeze oneminyaka emine wasePolar Park eMasimini oduke kunyaka ophelileyo kweyeNkanga.
Image: UTHUNYELWE
UXoliswa George (41) wasePolar Park, eMasimini, uthi akukho namnye umzali onokuze alale obentlombe ubuthongo elahlekelwe ngumntwana wakhe nanjengoko esithi ubuthongo obumnandi wabugqibela ngenyanga yeNkanga ka2025.
Iintetha zalo mzali ziza emva kokuba engekabhaqeki nangoku uAsiphumeze George (4) owagqityelwa ngomhla wokuqala kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo eyokudlala nabazala bakhe abakwiminyaka eminye ngokuzalwa naye.
UGeorge uthi akukho nzame angazenzanga ukufumana umntwana wakhe. Uthi uyile nasebantwini ababonayo bakwamoya ngokohluka kwabo kodwa kungabikho nto icacayo. Uncedisiwe ngabahlali ekhangeliswa kuyo yonke ilokishi baya nakwiifama ezikufutshane babuya nelize.
Ethetha nephephandaba I'solezwe lesiXhosa, uthi ukuduka komntwana wakhe ngumqa kuba zange kubekho nomkhondwana lo.
"Soze ukholelwe ukuba sakhangela inyanga yonke nabahlali sivuka yonke le mihla siphaqaza ukuyokukhangela umntwana. Abantwana bam bathathu, uAsiphumeeze ngowokugqibela. Umntwana nowuphi unendawo yakhe emzalini, indawo yakhe ibonakala kungoku."
Uqhube wathi umntwana wakhe uyakwazi ukuthetha, uyawazi namagama abantwana bakowabo kwaye uyalazi nelikamama wakhe, futhi ekwazi nakowabo.
"Kodwa uhlobo awavele wanyamalala ngalo lundishiya ndinemibuzo endingenampendulo yayo."
Umama womntwana uthi sele rhalela nokuba lusapho lakwaMpoco eFlagstaff oluthe lwambhaqa umntwana walo obeduke elele ebhedini kwinyanga ephelileyo.
"Sendirhalela nam ukuba abonakale nokuba ungamathambo ndimazi umntwana wam. Ngoku andimazi noba akahlukumezeki na apho agcinwe khona, xa ndityayo ndicinga ukuba inoba yena uyatya na apho akhoyo.
"Sitye kakubi iKlisimesi engekho umntwana. Ibuhlungu into endikuyo kuba akukho nomkhondo endicinga ingayinto enokunika amandla nethemba kwavele kwathi cwaka," uvale ngelo uGeorge.
Ityala lavulwa kwisikhululo samaPolisa eKhowa. AmaPolisa aya uyokukhangela nawo abuya nelize ngokokutsho kosapho.
UGeorge uthi awakaphinde eze namkhondo amaPolisa, kusa thulekile. Olu sapho lubongoza uluntu kwiziphaluka zaseCala naseKhowa lubancedise ekubajongiseni uAsiphumeze.