Iindaba

Ujongene netyala lokuba ilipstick owaziwayo

Charles Khuzwayo|Published

UNambitha Mpumlwana ngumdlali weqonga odumileyo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Owaduma ngegama likaMawande kumdlalo uGenerations, uNambitha Mpumlwana, ujongene netyala lokuba. 

UMpumlwana (58) ubekwe ityala lokuba into yokuthambisa umlomo eyaziwa ngokuba yi-lipstick exabisa iR160 kwivenkile yakwaDis-Chem eFerndale Mall, eRandburg, eGoli, kweyoKwindla wonyaka ophelileyo.

Iphephandaba Isolezwe lesiZulu live ukuba lo mdlali wabanjwa esiba le lipstick, kodwa waphika esithi uyatyholwa.

Abaphathi bevenkile le baye babiza amaPolisa aseRandburg, afika ambamba futhi wabekwa ityala lokuba, kodwa wakhululwa ngebheyile yeR1000.

Eli phephandaba livile ukuba wavela okokuqala phambi koMantyi waseRandburg kweyoKwindla nongazange abuzwe ukuba ityala uyalivuma okanye uyaliphika kusinina. Ingxelo ithi uye waphinda wavela kwakhona kuCanzibe nelakhe larhoxiswa okwexeshana ityala ajongene nalo.

Isithethi seNPA eRhawutini, uPhindi Mjonondwane, uxelele Isolezwe lesiZulu ukuba eli tyala lisarhoxisiwe okwexeshana ukunikeza uMpumlwana ixesha lenkqubo ebizwa nge-diversion programme.

Ngokufutshane, le nkqubo yeyokujonga ekubeni abekwe ityala okanye agwetywe kusinina kwaye idla ngokunikezwa abantu abatsha nabasuke beqala ukwenza amatyala. Umrhanelwa uye asebenzele uluntu ngaphandle okanye afumane uqeqesho oluthile ngaphambi kokuba iNkundla igqibe ukuba umrhanelwa uyaqhubekeka kusinina netyala okanye ityala nesigwebo ziyarhoxiswa. Ukuba awuyigqibanga le nkqubo ubuyela ezinkundleni. 

"Xa esele eyigqibile le nkqubo, umbuso kuza kufuneka ufumane ingxelo eqinisekisa ukuba uyigqibe ngempumelelo le nqkubo," uvale ngelo uMjonondwane. 

UNambitha ngomnye wabadlali kamabonakude abahlonitshwayo kweli nasemazweni angaphandle, njengokuba wayeyinxalenye yabadlali abaphambili kumboniso bhanyabhanya ophumelele iOscar, iTsotsi.

Mininzi imidlalo avele kuyo kumabonakude uMpumlwana efana neRed Dust, Country of My Skull. Eminye imidlalo yiYizo Yizo, Sokhulu & Partners, Interrogation Room, Ashes To Ashes. Akakhange aphelele ekudlaleni kwezi nkqubo, ubenguye nomsasazi kwiinkqubo zikamabonakude ezifana nePractical Parenting, Money, Lebone ne50/50.