Ubanjiwe umzala wenkwenkwe ononyaka oneenyanga ezintandathu izelwe emva kokubhaqwa kwayo emva kweentsuku ibhubhile.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Iseluvalelweni lamaPolisa eFlagstaff intombazana (18) elilungu losapho lomntwana oyinkwenkwe ononyaka oneenyanga ezintandathu obhaqwe ebhubhile emva kweentsuku owathi wanyamalala elele ebhedini.
Umrhanelwa ubanjwe kuba inguye owagqibelwa ukubonwa nomntwana nanjengoko inguye owayegade umntwana ngethuba anyamalala ngalo ekhayeni ngokokutsho kosapho.
Umntwana wanyamalala ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kwinyanga ephelileyo yoMqungu kusemini elele ebhedini kowabo.
Olilungu losapho, uAkhona Makawula, oncokole neli phephandaba, I'solezwe lesiXhosa, uthi umzala wakhe owaziwayo ngegama liSolezwe useziseleni malunga nesi sehlo kuba zange athethe nto ibambekayo nevakalayo xa wayebuzwa ngomntwana ngamaPolisa.
UMakawula uthi abasele bekuvuyela kukuba umntwana ufumanekile nangona nje efumaneke sele ebhubhile. Umntwana ubhaqeke emva kweentsuku ezisixhenxe sele wonakele umzimba futhi ubhaqwe kudana nekhaya.
"Umntwana ubhaqwe ngumntu ebezihambela ngasemlanjeni ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, ebhaqwa kudana nasekhaya apho ebengenoziyela yedwa.
"Ngosuku anyamalala ngalo zange sibubone ubuthongo simane sicinga ukuba kuzode kungene umntu esithi nanku ndimbonile okanye besinidlalisa, kodwa kwasa phandle kungekho mkhondo.
"Okusixolisayo kukubhaqeka kwakhe ukuze angcwatywe simkhombe apho akhoyo kunokungazi nokuba kwenzekani kwaye uphi umntana," utshilo uMakawula.
Usapho luthi ukuqala kule veki kusalindwe abecandelo loqhaqho, abaziwa ngokuba nguforenzikhi baseMbizana, ukuze bawazi unobangela wokubhubha komntwana kwanokuba akwazi ukungcwatywa.
UPetros Majola nonguMlawuli wombutho ojongene nokukhathalela kwanokulwela amalungelo abantwana namanina, iKhula Community Development EC, nobepapashe ngezi ndaba kwiveki edlulileyo, uthi yiNkundla eza kuza nesigqibo nanjengoko eza kuvela ezinkundleni kuba ngenene ayaziwa eyona nto yenziwe emntaneni.
Uthi akuxelelwe likhaya kukuba umzimba womntwana ubhaqeke usaphelele koko wonakele kuba iintsuku zinde.
UMajola ukwashiye amazwi ovelwano kusapho ngesi sehlo ekwamemelela nobulungisa.