Ivalelwe indoda exabele yabulala isithandwa sayo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Iseluvalelweni indoda (33) yaseBesedi Farm kuGwatyu emva kokuba ibanjwe ngamaPolisa aseBridge Camp kuQamata ngesenzo sokuxabela ibulale intombazana (28) ebethanda nayo.
Esi senzo senzeke ngobusuku bangoLwesibini kule veki eBesedi Farm kwitytyombe lale ndoda elingaphakathi kwikhaya layo.
Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa uCaptain Yolisa Mgolodela, elinye lelingu losapho libenokurhana xa umrhanelwa eshiya ityotyombe lakhe alala kulo eyokulala ngaphambili endlini eshiya intombi yakhe yodwa. Ekuphandeni kwakhe ufike sele ethe natya phantsi umzimba wale ntwazana sele ubanda.
Ingxelo iqhuba ithi, utata womrhanelwa uye waxelelwa noye ngokukhawuleza wabiza abamelwane nabaye babiza AmaPolisa.
UMgolodela uthi umrhanelwa uye wavuswa ebuzwa ngesi sehlo noye wavuma ukuba nguye obuleleyo.
Umrhanelwa uqhubekekile ebonisa AmaPolisa apho abeke khona izembe ebebulala ngalo ixhoba. Uye wabanjwa kwangoko wayokunekwa eziseleni.
Umrhanelwa uza kuvela okokuqala phambi koMantyi kuCofimvaba malunga netyala abekwe lona elokubulala.
UBrigadier Vukile Ntandane usikhalimele kabukhali esi senzo.