Iindaba

Bafunyenwe benetyala ababedidiyela utywala bomgunyathi eMonti

Abongile Ginya|Published

Ubutywala bomgunyathi obuthathwe kwabarhanelwa.

Image: Facebook

Basibhozo abagwetywe yiNkundla yamaTyala yaseMonti emva kokuba ibafumene benetyala lokudidiyela ngokungekho mthethweni nangomgunyathi iibhotile zotywala zeOld Buck nokuthengisa utywala bomgunyathi.

Abarhanelwa bagwetywe ngoLwesithathu kule veki. Ngokweminyaka yabo yokuzalwa baphakathi kwe18 ukuya kwi35. Amagama wabo ngokukutshwa yiNkundla nguLindokuhle Mkize, Stembise Nkabinde, Aphiwe Ndimande, Asonele Bandezi, Sifundo Mdlalo, Sakhele Malinga, Wandile Msomi kwakunye noLindani Chonco.

Aba babhaqwa kugqogqo olwalusenziwa kunyaka ophelileyo u2025 kwinyanga yoMsintsi eAmalinda, eMonti.

IiHawks zafumana le ndawo ivelisa obu butywala kwaye bonke abarhanelekayo nekwakufikwe bekhona babanjwa kwangoko.

ULieutenant Colonel Avele Fumba uthi abarhanelwa banikwe isigwebo sokuba bahlawule isohlwayo semali eyiR150 000 okanye bachithe iminyaka emithathu ngaphakathi ejele ngokwenza iimveliso zomgunyathi. Kodwa esi sigwebo siye saxhonywa iminyaka emithathu phantsi komqathango wokuba bangaphinde balwenze olu hlobo lolwaphulomthetho iminyaka emithathu.

Esesibini isohlwayo kukophula imiqathango yotywala nabaye bohlwaywa iR100 000 okanye iminyaka emithathu ngaphakthi ejele, nayo iza kuxhonywa phantsi komqathango efana naleyo yokuba bangaphinde bakwenze okufana noku.

UMajor General Mboiki Obed Ngwenya noyiNtloko kwiiHawks eMpuma Koloni, usamkele esi sigwebo.