Iindaba

Intwazana ibhaqwe isebhedini igqunywe ngeempahla nangeencwadi itshisiwe

Abongile Ginya|Published

Kukhangelwa abarhanelwa abatshise bahlaba babulala intwazana yaseMbobo eAlivani.

Image: IOL

AmaPolisa esithili saseJoe Gqabi akhuphe igqiza labaphandi ngeenzame zokuqinisekisa ukuba kubanjwa abarhanelwa ababandakanyeka kwisenzo sokubulawa kabuhlungu kwentwazana yaseMbobo, ePalmietfontein.

Oku kuza emva kokuba amaPolisa ebizwe ngabahlali belali yaseMbobo, ePalmietfontein, bebika ukuba kunendlu etshayo. Oku kwenzeke ngezithuba zentsimbi yesihlanu ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwimpelaveki ephelileyo.

Ngokwengxelo yesithethi samaPolisa uCaptain Ursula Roelofse, ithi amaPolisa afike abahlali bezama ukucima umlilo, xa besondela bafika kukho umzimba wentwazana (18) usebhedini wogqunywe ngeempahla, iingubo nangeencwadi.

URoelofse uthi ekusondeleni kwamaPolisa kuye kwabhaqwa namanxeba amane okuhlatywa emqaleni kule ntwazana.

Kukwavakala ukuba umzala wexhoba uthi umntu wokugqibela ukubonwa nexhoba ngumfana obethandana nexhoba. 

Ityala lokubulala livuliwe. UMajor General Lindelwa Vellem ukhuphe kangangoko izixhobo zophando ngeenzame zokubanjwa kwabarhaneleka kwesi senzo.

UMajor Gen Vellem uthi esi senzo sibi kangangaka sisikhumbuzo seGBVF eyongamele amakhaya ekuhlaleni, kuquka nelizwe.

UVellem ukwadlulise amazwi ovelwano kusapho nakwizihlobo zexhoba. Uvale ngelithi abaphandi betyala bangashiyi nanye baqiniseke ukuba abenzi bobubi badibana nengalo yomthetho.

Onolwazi malunga nesi sehlo atsalele kule nombolo 08600 10111.