Iindaba

Bagwetyiwe ababini abadlwengula ugxa wabo wasemsebenzini

Abongile Ginya|Published

Bagwetyiwe ababini begwetyelwa ukudlwengula inkosikazi abasebenza bonke kwifama enye eKariega.

Image: IOL

Baza kuchitha ubomi babo ejele ababini, uTeboho Makoko (23) kwakunye noTshepo Potose (30), emva kokuba begwetywe yiNkundla yengingqi yaseKariega eNelson Mandela Bay kuba befunyenwe benetyala lokudlwengula kwanelokuxhwila.

Oku kuza emva kwesenzo abasenza ngomhla weshumi elinanye kweyoMdumba ka2024 eSandfontein Farm eKariega. 

INkundla ive ukuba esi sibini sigwetyiweyo, kwakungorhatya baya kwindlu yexhoba ukuvula kwabo babetha indoda ethandana nexhoba eyayihleli nalo, akugqiba bathatha ixhoba bemke nalo nabaye baliphindaphinda ukulidlwengula kwiindawo ezohlukeneyo belizulisa ubusuku bonke.

Ngokwengxelo yesithethi seNPA, uLuxolo Tyali, ithi ixhoba lakwazi ukuvuka liphuncuke layokuchaza emaPoliseni. Ixhoba laye lathathwa layokwenziwa uvavanyo lonyango ngokukhawuleza.

Ngosuku olulandelayo, ixhoba layokukhomba abarhanelwa lihamba namaPolisa, bafika bekhona kwifama ababesebenza kuyo bonke nexhoba, babanjwa.

Ngethuba kuqhuba ityala, uMtshutshisi wombuso, uKirshni Naidoo, waveza ubungqina obuquka obendoda yexhoba, eyomcuphi kwaneyeDNA eyoyamana ngqo nencindi yabarhanelwa ababini.

Esi sibini umntu ngamnye ugwetywe ubomi neminyaka elishumi ngaphezulu eyokuxhwila.

iNPA isamkele ngezandla ezishushu esi sigwebo, ikwancome ixhoba elaba nesibindi leza ngaphambili uzokuchaza okwenzeke kulo.