Ibanjiwe inkosikazi ethathele ngakuyo imali yomhlalaphantsi womntakwabo ongasekhoyo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Owasetyhini waseMpuma Koloni, 40, otyholwa ngokubanga imali yomhlalaphantsi yomntakwabo ongasekhoyo ngokungekho mthethweni eyayifanele abatshana bakhe engaphezulu kweR700 000, ubanjiwe.
UNomvo Yako ubanjwe ngoLwesithathu wale veki ziiHawks ezizinze eMthatha emva kophando olunzulu malunga nolawulo lwelifa lomntu ongasekheyo.
Ngokutsho kwesithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba, uYako kuthiwa wafaka isicelo seleta yegunya kwiNkundla ePhakamileyo eMthatha ngelixa echaza izinto ezibalulekileyo ngendlela engeyiyo.
UFumba uthe uphando luveze ukuba uYako kuthiwa wafihla ukubakho kwabantwana bomntakwabo waza waxoka wathi akukho bantu ababexhomekeke kumntakwabo, nangona wayesazi ukuba akunjalo, ukuze azuze [yedwa] kwilifa.
"Uphando lweeHawks lutyhile ukuba emva kokufumana ileta yegunya, umrhanelwa kuthiwa wafaka ibango kwiGovernment Employees Pension Fund (GEPF). Ngenxa yoko, imali eyiR599 000, kunye nenzala eyiR76 996, yahlawulwa kwiakhawunti yebhanki yelifa," utshilo uFumba.
Uphando olongezelelekileyo luveze ukuba uYako kuthiwa ufumene izibonelelo zexesha lekhefu, nto leyo ebangele ukuba intlawulo eyongezelelweyo ngeR32 998 ifakwe kwiakhawunti yakhe yebhanki.
"Imali iyonke efunyenweyo ingapha kweR700 000, imali eyayifanele ihlawulwe kubantwana bomfi ngokusemthethweni," wongeze watsho uFumba.
UYako uvele phambi kweNkundla kaMantyi yaseMthatha ngoLwesine ngezityholo zobuqhophololo.
Unikwe ibheyile yeR2000, kwaye ityala lahlehliselwa umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoMdumba 2026 ukuze kuqhutywe uphando.
INtloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ulumkise ngelithi abasemagunyeni abazukuyinyamezela indlela exhaphazwa ngayo inkqubo yelifa neyomhlalaphantsi ukuze kuzuze abathile, ingakumbi kwiimeko apho abafanele ukuxhamla ngabona abachaphazelekayo.