Iindaba

Inkwenkwana (3) yakuQumbu ibulewe yangcwatywa ngepheyile

Abongile Ginya|Published

Inkwenkwana eneminyaka emithathu (3) ibhaqwe kweli pheyile igrunjelwe ngumama wayo kwakunye nendoda ethandana nomama wayo.

Image: SAPS

AmaPolisa aseSulenkama kuQumbu abambe ababini abathandanayo baseMbizana, indoda (32) kwakunye nentokazi (23) ngetyala lokubulala inkwenkwana eneminyaka emithathu.

Esi sibini, sibanjwe ngoLwesithathu kule veki.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samaPolisa kummandla waseOR Tambo, uCaptain Welile Matyolo, ithi umrhanelwa ongumama womntwana wavuma emaPoliseni ukuba unyamalele [umntwana] bekwigaraji esedolophini eMbizana. Ngokophando lwamaPolisa, kwafumaniseka ukuba obu bubuxoki yabe ikhamera yeCCTV ingavezi njalo.

Uphando luthi umntwana wabethwa ngenduku yile ndoda ithandana nomama wayo ongengoyise womntwana. Oku kwenzeka kwilali iGqwesa eSulenkama apho umama wendoda asebenza khona.

Likhutshelwe ngaphandle ipheyile elinomzimba wenkwenkwana eneminyaka emithathu (3) izelwe eyangcwatywa ngumama wayo nendoda ethandana nomama wayo.

Image: SAPS

Ingxelo iqhuba ithi, emva kokuba umntwana ebethwe wabhubha sisithandwa sikamama wakhe, baye bamfaka kwipheyile (20l)  bakugqiba baliqinisa ngocingo, emva koko bamgrumbela bamfaka ngaphantsi komhlaba.

Kuphando lwamaPolisa kuye kwakhokelela ekuveleni kwenyaniso kwesi sibini apho baye bayokukhombisa amaPolisa apho bamngcwabe khona umntwana.

Kuye kwavulwa ityala lokubulala ngoLwesine, elesibini longezwa elokudelela ingalo yomthetho ngakumama womntwana.

Kulindeleke ukuba bavela kusasa namhlanje umhla wama23 phambi koMantyi wakuQumbu.

UMajor General Norman Modishana usikhalimele kabukhali esi sehlo.