Inkokeli ye-EFF uJulius Malema ngethuba evele kwiNkundla kaMantyi yaseMonti ngoLwesihlanu.
Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa
Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, uza kubuyela enkundleni ngomhla we15 kaTshazimpuzi ukuze aqhubeke netyala lakhe.
UMalema uvele kwiNkundla kaMantyi yaseMonti ngetyala lokudubula umpu esidlangalaleni ngo2018 eMdantsane, eMonti, ngexesha lokubhiyozela iminyaka emihlanu yalo mbutho eSisa Dukashe Stadium.
Iqela lamagqwetha kaMalema eliquka uAdvocate Tembeka Ngcukaitobi longeze unontlalontle ukuze liqinise ubungqina balo.
Lo nontlalontle, uJessie Thompson, ucebise inkundla ukuba uMalema anikwe isohlwayo kunokuba agwetyelwe entolongweni. UThompson unike ubungqina njengenxalenye yokunciphisa isigwebo sikaMalema emva kokuba efunyenwe enetyala lokwaphula umthetho wolawulo lwemipu.
UMantyi uTwanet Olivier uqinisekisile ukuba ukuxoxwa kwetyala likaMalema kuza kuthatha iintsuku ezimbini ukuvumela ukuba kuqwalaselwe ngokucokisekileyo iingongoma zokugqibela zengxoxo.
Abalandeli be-EFF bagcwalise iMonti ngobomvu ukusukela ngoLwesine nalapho bachithe ubusuku bonke eOrient Theatre, eQuigney, kumlindelo belungiselela ukuxhasa uMalema namhlanje ngoLwesihlanu. Abalandeli bebecula imini yonke ngaphandle kwenkundla, abanye bephethe amaphekephe abhalwe imiyalezo eyahlukeneyo ngaphambi kokuba uMalema namagosa e-EFF bathethe nabo.
Bekukho abalandeli ababesuka kwamanye amaphondo bezokubonisa uMalema inkxaso.