Iindaba

Uninzi luthi lothusiwe ziingxelo zokubhubha kukaTasana

Abongile Ginya|Published

UCeba kaWadi 9 eSakhisizwe Local Municipality nobethandwa kakhulu luluntu ubhaqwe ebhubhile.

Image: UTHUNYELWE

Uninzi lwabantu lushiyeke lunxunguphele ziindaba zokubhubha kabuhlungu koCeba kaWadi 9 kuMasipala waseSakhisizwe, uThembalakhe Tasana.

UTasana uchazwe ngabaninzi njengalowo ebengumntu wabantu kwaye ozinikelayo futhi ehambela phambili kumba weenkonzo eziya eluntwini. 

Uluntu kumakhasi onxibelelwano luthi alulahlekelelwanga ummandla waseCala kuphela. Uninzi luthi noko obelilungisa kanje ebengakufanelanga ukubhubha ngohlobo abhubhe ngalo

Ngokwengxelo yabasondele kokaTasana, kubhaqwe umzimba wakhe ujinga kwaye sele ubanda ebhubhile kwaWadi 9. Ezi ndaba zivele ngoLwesithathu kule veki.

UTasana wafungiswa njengoCeba wakwaWadi 9 eSakhisizwe ngo2021.

UMasipala waseSakhisizwe uthi uphulukene noyena mthunywa ebezinikele ukusebenzela uluntu lukaWadi 9 kwanalo Masipala. 

USodolophu weSakhisizwe, uBoniswa Ponoshe, udlulise amazwi ovelwano kusapho lukaTasana nakubo bonke abasondele enxebeni.

UPonoshe uthi uyakukhumbuleka uTasana, ebeluthathela kuye uxanduva lomsebenzi wakhe.

Iinkcukacha zenkonzo yesikhumbuzo kwanomngcwabo uyakubuya waziswe nguMasipala waseSakhisizwe.