EQONGENI: Ekuqaleni nguNobhala Jikelele wombutho uMarshall Dlamini, othethayo nguCIC Julius Malema kwakunye noSekela Jikelele wombutho uGodrich Gardee phambi kwenkundla eMonti.
Image: ABONGILE GINYA / I'SOLEZWE LESIXHOSA
Kulindeleke ukuba ulutsha lombutho we-Economic Freedom Fighters (EFF) ngorhatywa lwanamhlanje uLwesine luza kudibana eSouthernwood Park, eMonti, apho luza kube lulungiselela usuku lwangomso uLwesihlanu nekuza kube kuvela inkokheli yabo uJulius Malema kwiNkundla yamaTyala eMonti.
Le ndibano, neza kube ikhokelwa nguCommissar Sihle Lonzi, iza kuqala ngentsimbi yesihlanu emva kwemini namhlanje.
Umbutho we-EFF, kuquka nabantu abangengomalungu alo mbutho, bajonge ngamehlo abomvu usuku lwangomso elindele isigwebo esakuthi siwiswe phezu kokaMalema nguMantyi.
UMalema kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo wafunyanwa enetyala nguMantyi uTwanet Olivier ngethuba echophele ityala lakhe kwiNkundla yamaTyala yaseMonti.
Inkokheli ye-EFF iphuma kwinkundla yamatyala eMonti isiya eqongeni kubalandeli bakhe emva kokufunyanwa enetyala nguMantyi uOlivier. Ecaleni kwakhe lilungu lePalamente le-EFF Vuyani Pambo.
Image: ABONGILE GINYA / I'SOLEZWE LESIXHOSA
Konke oku kuza emva kokuba uMalema wavulela umpu edubula phezulu yimincili eSisa Dukashe eMdantsane kweyeKhala ka2018. Kungethuba lo mbutho wawubhiyozela ukugqiba iminyaka emihlanu usekiwe.
Umbutho weAfriForum waye wafaka isimangalo ngakokaMalema malunga nesi senzo.
Kusasa ngomso okaMalema uza kube enikwa isigwebo esipheleleyo setyala ayewafunyanwa enalo yile Nkundla lokophula imithetho yokuphatha imipu.
UMalema waye wayalela inginginya yabalandeli bakhe ababezimase ngaphandle kweNkundla ekubeni baqine koko bakhankasele ulonyulo okujongwe kulo kwaye baqiniseke ukuba iBCM iphantsi kwe-EFF. Watsho esithi akazukuphela mandla uza kufaka isibheno ngesigwebo eso aza kusinikwa.
I'solezwe lesiZulu likhuphe imifanekiso yeebhasi eziya eMonti eMpuma Koloni ngeliyokuxhasa inkokheli yabo enkundleni ngoLwesihlanu.