Iindaba

Ziyabethana izimvo zabahlali emva kokugwetywa kwabatshisa izaphulimthetho eXesi

Abongile Ginya|Published

Abahlali baseNdidwa, eDebe Nek, eXesi abagwetywe izihlandlo zobomi ngokubulala abane ababa iintambo zombane kula lali.

Image: NPA

INkundla ePhakamileyo yamaTyala eBhisho ibafumene benetyala ze yabagweba izihlandlo ezine zobomi abo bebejongene netyala lokutshisa babulale abantu abane kwilali yakuNdidwa, eDebe Nek phantsi kwaseXesi.

Aba bagwetyiweyo nguMluleki Xulu (49), Neliso Nkohla (30), Dumisani Mpofana (38), Bantu Marali (37), Lindi Mbingashe (38), Unathi Kakalala (29), Mfuniseli Mbingashe (66), Nombulelo Kitise Bakani (42), Zwelandile “Boy-Boy” Kitise (53), Yanginkosi Solani (41), Nkosinathi Dyantyi (72), Lungisa Mtyana (39), Zandisile Kitise (71), Nombuzo Mbingashe (57), Mvelisi Xulu (46) kwakunye noThobani Vena (37).

Kwaba bagwetyiweyo kukwakho namakhosikazi namaxhego asele enento engapha kwamashumi asixhenxe eminyaka ezelwe.

Esi sigwebo siza emva kokuba ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga ka2022, abahlali babamba indibano ekubeni kuthatyathwe amanyathelo bohlwaywe abarhanelwa abahluphayo elalini, ababa iintambo zombane kwanabo benza izenzo zolwaphulomthetho.

Abo babulawayo nababerhaneleka, yayinguLwando Makinana (34), Nwabisa Melane (33), Ziphozihle Thimba (41) kwakunye noVuyo Clifford Lamani (44).

Bagwetywe izihlando ezine zobomi emva kokufunyanwa benetyala lokubulala abarhanelwa abane abarhaneleka ngokuba iintambo zombane elalini

Image: NPA

Ingxelo yeNPA ithi aba baye bayokugqogqwa kumakhaya wabo babulawa. Ngosuku olulandelayo, abahlalali bawathintela amaPolisa ekubeni angangeni kule lali ngethuba eyokwenza umsebenzi wawo.

UJaji Thandi Norman esothula isigwebo kubarhanelwa uthe: “Kunento ephazamisa kakhulu eyabantu abathathela kubo ezandleni umthetho. Ngokwenza njalo, ubangumkhalazi, ubengumcuphi ubenguye nomtshutshisi. Izenzo zenu zibe qatha zanenkohlakalo."

Inkundla ikwayalele ukuba umntwana kaNwabisa Nelani owabulawayo afumane uloluleko emva kwesehlo awasibonayo sokutshiswa kukamama wakhe.

Esi senzo sokugwetywa kwaba bantu kwenze isankxwe kumakhasi onxibelelwano ngelithi umthetho usoloko ungakwicala labo bophula imithetho ekuhlaleni.

OyiNtloko kwezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthi esi sigwebo siza kuba sisifundo nesikhumbuzo kwabo bathathela umthetho kubo ezandleni babone ukuba ababingomaqhawe, koko babazizaphulimthetho.

UMadolo ukwaqhwabele izandla oogxa bakhe, uAdv. Xolisile Philasane, Officer Sandisiwe Moyake noSergeant Hlanga Melane.ngomsebenzi abawenzileyo noye waqinisekisa ukuba umthetho udlala indima yawo.